Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 165

Itekisi yeBhayibhile

UAMOS 1

Intshayelelo

1La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziya wayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowam unyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima.

2Wathetha wenjenje uAmos:

“*UNdikhoyo angabharhumla kwintab' iZiyon,

iziwi lakhe lingazongoma livela ngaseJerusalem,

amadlelo atsho abharhe,

yona incopho yentaba iKarmele itshaze.”

Isigwebo sikaThixo kubamelwane bamaSirayeli: Ama-Aram

3Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba iDamasko yayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku ibhule iGiliyadi ngesileyi sokubhula esimazinyo ayintsimbi.

4Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo ibhotwe likaHazayeli,

zitshe ziphele nqu iinqaba zikaBhenadadi.

5Ndiza kuwadiliza amasango aseDamasko,

ndibasiphule neengcambu abemi bentili yaseAven

kunye nezo ziphathamandla zaseBhete-eden.

Ama-Aram aya kuthinjwa, asiwe eKire.”

Utsho uNdikhoyo.

AmaFilistiya

6Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba iGaza yayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku bona bathimba isizwe siphela,

basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom.

7Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseGaza,

zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho,

8ndibasiphule neengcambu abemi baseAshdode

kunye nezo ziphathamandla zaseAshkelon,

ndiziphanzise iidolophu zase-Ekron,

kungasali nempunde le kumaFilistiya.”

Itsho iNkosi uNdikhoyo.

AmaTire

9Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba iTire yayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku bona bathimba isizwe siphela,

basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom,

suka bawutyeshela umnqophiso wobuzalwana.

10Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseTire,

zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho.”

AmaEdom

11Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba amaEdom ayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku wona awaqweqwedisa ngekrele amawabo,

ayitsho yaphela tu imfobe yokuzalana,

awaqwenga enomsindo ongapheliyo,

umsindo ongathibazekiyo.

12Ngoko ke ndiza kuyintumeka ngomlilo iTeman,

zitshe ziphele nqu iinqaba zaseBhozera.”

Ama-Amon

13Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba ama-Amon ayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku wona aqangqulula abafazi abakhulelweyo baseGiliyadi

ukuze bandise imida yabo.

14Ngoko ke ndiza kuluntumeka ngomlilo udonga lwaseRabha,

zitshe ziphele nqu iinqaba zalapho.

Kovakala intlaba-mkhosi mhla ngedabi,

kuvuthuze umoyakazi ngemini yesaqhwithi.

15Uya kuthinjwa ukumkani wawo,

yena kunye namaphakathi akhe.”

Utsho uNdikhoyo.

UAMOS 2

AmaMowabhi

1Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba amaMowabhi ayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku wona awatshisa aluthuthu amathambo kakumkani wase-Edom.

2Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo elakwaMowabhi,

zitshe ziphele nqu iinqaba zaseKeriyoti.

Aya kufa kuloo mbodamo amaMowabhi,

kuvakala intsholo yentlaba-mkhosi nezigodlo.

3Ndiya kuzicim' igama iziphathamandla zalapho,

nezinxiba-mxhaka zabo zife kunye nabo.”

Utsho uNdikhoyo.

AmaJuda

4Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba amaJuda ayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku wona awulahlile umyalelo kaNdikhoyo,

akayigcina imimiselo yakhe,

suka alahlekiswa ngamampunge,

nditsho amampunge awayelandelwa ngooyise.

5Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo elakwaJuda,

zitshe ziphele nqu iinqaba zaseJerusalem.”

Isigwebo sikaThixo kumaSirayeli

6Utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Nokuba amaSirayeli ayone izihlandlo zazithathu

ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam.

Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.

Kaloku wona azuza imali ngokuthengisa ngabantu abathembekileyo,

ihlwempu lona ananise ngalo ngeembadada.

7Iindwayi azinyhasha iintloko zibe luthuli,

zona iimpula-kalujaca azitsho ziphume endleleni.

Unyana noyise babolekisana ngenkazana enye,

benyelisa igama lam elingcwele.

8AmaSirayeli ahamba ezandlala kumaqonga ngamaqonga,

etsho ngezambatho azithimbileyo,

endlwini yothixo wawo asele iwayini ayithathe kubantu abadliweyo.

9“Ndim kaloku owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwamaSirayeli

nditsho eziya ngxilimbela zibude bunga ngumthi womsedare,

nokomelela kunga ngum-oki,

ndazitshabalalisa iziqhamo zawo phezulu,

ndazisiphula iingcambu ezantsi.

10Ndim owanikhupha eJiputa,

ndanikhapha amashumi amane eminyaka nisentlango,

nada naya kuhlutha umhlaba wama-Amori.

11Ndim owenza abanye boonyana benu baba *ngabashumayeli,

abanye baba ngamalolo kaNdikhoyo?

Akunjalo yini na, bonyana bakaSirayeli?”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12“Loo malolo nina niwangxale iwayini,

*kubashumayeli nathi: ‘Musani ukushumayela.’

13“Mna ke ndiza kunenza nixinge apho nikhoyo,

oku kwenqwelo exinga kukuzala zizithungu.

14Akuyi kusinda noyena unamendu umntu,

nezigantsontso ziya kutsho ziphelelwe ngamandla,

ikroti lingabi nako ukusindisa ubomi balo,

15kunkwantye nkqu neencutshe zeentolo,

imbaleki ingabi nakuphuncuka,

kungasindi nokhwele ehashini.

16Ewe, nelona laziwayo igorha liya kuswantsula zé ngaloo mini.”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

UAMOS 3

Isohlwayo sâbo bayimilowo kaNdikhoyo

1Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli,

kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa:

2“Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi;

yiyo ke loo nto ndiza kunohlwaya ngenxa yobugwenxa benu bonke.”

3Bakha bahamba kunye na ababini bengavani?

4Kanene, ikhe igqume ehlathini ingonyama ingenalo ixhoba?

Khona, ikhe irgargame ingonyama entsha esikhundleni sayo ingabambanga nto?

5Yona intaka ikhe ingene kwisabatha apho kungabekwanga mgibe khona?

Sona isigu khe sifane sibambise nje, kungekho nto ibanjiweyo?

6Kanene, khe kubekho intlaba-mkhosi ingabothusi abantu esixekweni?

Hee, khe kuvele ishwangusha esixekweni lingasuki kuNdikhoyo?

7Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo *abashumayeli.

8Yakugquma ingonyama, ngubani ongakhwankqiyo?

Yakuthetha iNkosi uNdikhoyo, ngubani ongalayo ukushumayela?

9Luvakalise olu daba kumabhotwe aseAshdode;

luxele nakumabhotwe aseJiputa, uthi:

“Buthelani ezintabeni zaseSamariya,

niye kubona imbudumbudu ekweso sixeko,

niyijonge ingcinezelo elapho.”

10Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Abo bantu abazani tu nobulungisa;

amabhotwe abo azele zizinto abazizuze ngobugebenga nangokuxhaphaza.”

11Yiyo ke loo nto iNkosi uNdikhoyo itshoyo ukuthi:

“Umhlaba wenu uza kurhawulwa ziintshaba,

zinaphule iimpondo,

zithimbe naloo mabhotwe enu.”

12Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Kuloo maSirayeli athe zava kwezo sofa zaseSamariya,

ehleli kwezo zihlalo zitofo-tofo,

kosinda nje imbinana,

ngathi yimilenze yegusha

okanye isijungqe sendlebe

efane yaxhwilwa ngumalusi emlonyeni wengonyama.”

13Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uThixo onamandla onke:

“Yivani, nize niyilumkise inzala kaYakobi.

14Kaloku ngaloo mini ndomohlwaya uSirayeli ngenxa yeziphoso zakhe,

ndiwadilize amaqonga aseBhetele,

nezo mpondo zawo ndizinqumle ziwe phantsi.

15Ndozichitha izindlu zasebusika nezasehlotyeni,

ndiwatsho abe ngamabhodlo loo mabhotwe ahonjiswe ngamabamba eendlovu,

aphele amapomakazi alapho.”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

UAMOS 1:1-3:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-