Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 124

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 141

Umthandazo wangokuhlwa

Umhobe kaDavide.

1*Ndikhoyo, ndibhenela kuwe; nceda ndivelele.

Khawubek' iindlebe, usabele ndakukhala.

2Umthandazo wam mawube sisiqhumiso kuwe,

ukuphakama kwezandla zam kube ngumnikelo wamatshona.

3Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;

imilebe yam mayihlale yalusiwe.

4Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,

ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,

ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.

Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.

5Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;

nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;

ewe, andinakuphikisana nayo.

Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.

6Iziphathamandla ke zophoswa emaweni;

izikhohlakali ke zona zotsho ziqonde,

zivume ukuba amazwi am afanelekile.

7Bosuka baphoxise ke bathi:

“Kutsho kwangathi kuyakhutyelwa,

namathambo ethu nango ethe saa;

ewe, athe xhaxhe ngamangcwaba.”

8Ke mna ndijonge enkalweni

kuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.

Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;

ungandishiyi ndisesichengeni.

9Ndihlangule kwimigibe abandibekele yona,

nakuzo izabatha zabakhohlakeleyo.

10Abakhohlakeleyo mababanjiswe kwayimigibe yabo,

mna ke ndingabi nawo nomkrwelo.

IINDUMISO 142

Ukucela uncedo

Umthandazo kaDavide xa wayesemqolombeni.

1Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;

ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.

2Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;

ndimbikela zonke iingxaki zam.

3Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.

Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.

4Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;

ayikho indawo yokuzimela,

kungekho namntu undikhathaleleyo.

5Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;

kaloku wena uyinqaba yam,

nguwe ibango lam kweli lizwe.

6Sibazele iindlebe isikhalo sam,

kuba kaloku ndixhwalekile.

Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;

kaloku bona bomelele kunam.

7Ndikhulule kula makhamandela,

ukuze ndilibonge igama lakho.

Amalungisa aya kundiphahla,

kuba wena undithamsanqele.

IINDUMISO 143

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide.

1Wuphulaphule umthandazo wam, *Ndikhoyo;

sive isikhungo sam.

Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.

2Musa ukusixoxisa isicaka sakho;

kaloku akukho bani umsulwa phambi kwakho.

3Kaloku utshaba luthene mbende nam;

lundixushe lwada lwandishikixa.

Lundivalele kwamnyama-ndawo,

ndanga ndingowafa kudala.

4Xa kungokunje ndiyayoba;

intliziyo yam iyangcungcutheka.

5Ndikhumbula imihla yamfamlibe,

ndicamanga ngezinto ozenzileyo,

ndiphicotha imisebenzi yezandla zakho.

6Ndizolulela kuwe izandla zam;

ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

7Nceda usabele, Ndikhoyo;

umoya wam ufadalele.

Hayi, musa ukundifulathela,

hleze ndifane nâbo baya enzonzobileni.

8Ububele bakho mandibuve kwakusasa;

kaloku mna ndikholosa ngawe.

Ndifundise indlela endifaneleyo;

kaloku mna ndizibika kuwe.

9Ndikhoyo, ndihlangule ezintshabeni zam;

kaloku mna ndizimela ngawe.

10Wena unguThixo wam,

ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.

UMoya wakho wobubele

makandikhokelele endleleni esisithabazi!

11Ndikhoyo, ngenxa yesidima sakho ndihlaziye,

ngenxa yobulungisa bakho ndihlangule ekuxinanisweni.

12Ngenxa yezibele zakho nceda uzinqamle iintshaba zam.

Batshabalalise abanditshutshisayo;

kaloku mna ndisisicaka sakho.

IINDUMISO 144

Ukumkani ubulela uThixo ngenxa yoloyiso

Umhobe kaDavide.

1Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,

yena ondiqeqeshela idabi,

andenze ndiyiqulele imfazwe.

2Yena ulixhadi nenqaba yam,

umqolomba nomhlanguli wam,

umkhuseli endincathama ngaye.

Izizwe uzifaka phantsi kwam.

3Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntu

le nto ude uzidube ngaye?

Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?

4Umntu ufana nqwa nomphunga,

imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.

5Wakuwashukumisa amazulu, Ndikhoyo,

suka akhahleleke phantsi.

Wakuzichukumisa iintaba zithuquza umsi.

6Lekuza ngemibane, ubasarhaze;

binza ngeentolo batsho baduba-dubeke.

7Yolula isandla sakho kweliphezulu,

undonyule ndiphume kulo mgxobhozo.

Ndihlangule esandleni seentlanga

8ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

9Thixo wam, ndiya kukudumisa ngengoma entsha;

ndiya kukuculela ngekatala.

10Ngumavathis' ookumkani ngoloyiso,

umhlanguli kaDavide isicaka sakhe.

Ndisindise kwikrele lezikhohlakali;

11ndihlangule esandleni seentlanga

ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

12Oonyana bethu ebutsheni babo

banga banganjengezityalo eziyokozelayo;

iintombi zethu zibe njengamatye akroliweyo

alungiselelwe ukuvathisa ibhotwe.

13Akwaba bangaphuphuma oovimba bethu,

bazale ziintlobo ngeentlobo zesivuno.

Akwaba zingazala amawaka iigusha zethu,

zande ngamawaka aphindwe kalishumi emaphandleni.

14Ngamana zathatha iimazi zethu zeenkomo;

zingemi ngenxa yokuphunza.

Ngamana akungebikho zimbonono ezitalatweni zethu;

ewe, singaphithizeliswa kukuthinjwa.

15Hayi uyolo lwabantu abayixhamlayo le ntsikelelo!

Sinenyhweba kambe isizwe esiThixo waso unguNdikhoyo!

IINDUMISO 145

Ingoma yokudumisa

Elokudumisa; umhobe kaDavide.

1Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;

igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2Ndiya kukubulela mihla le;

igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.

3Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;

obakhe ubukhulu abuphengululeki.

4Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;

siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.

5Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,

nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.

6Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,

ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;

ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.

Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;

unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;

imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;

amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyo

kwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;

ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.

Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,

yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

14UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,

abaphakamise bonke abathobekileyo.

15Iinto zonke zikhangela kuye ngethemba,

ke yena uyazondla ngexesha elililo.

16Ewe, yena zivulekile izandla zakhe,

izinto zonke uyazanelisa ngokweentswelo zazo.

17UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,

unobubele kuko konke akwenzayo.

18UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,

kwabo bamfuna benyanisekile.

19Uyabahlangabeza abo bamhlonelayo;

uyasabela bakuzibika, abahlangule.

20UNdikhoyo uyabalondoloza abo bamthandayo;

ke bona abakhohlakeleyo uya kubatshabalalisa.

21UNdikhoyo ndiya kusoloko ndimdumisa.

Mazimdumise zonke izidalwa,

zilincome igama lakhe elihloniphekileyo;

ewe, kude kube ngunaphakade.

IINDUMISO 146

Ukubonga uThixo onguMsindisi

1Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!

2Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;

ndiya kuhlabela indumiso,

ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.

3Musa ukukholosa ngamanene;

sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.

4Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;

ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.

5Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,

lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;

6ongumenzi wamazulu nehlabathi,

ulwandle neento zonke ezilapho kulo;

yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;

7umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;

umondli wâbo balambayo.

UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.

8UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,

umphakamisi wâbo bawileyo.

UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

9UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,

umxhasi wabahlolokazi neenkedama.

Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

10Kambe ke yena uNdikhoyo uya kulawula naphakade,

uThixo wakho, Ziyon, kuzo zonke izizukulwana.

Siyakhahlela, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 147

Ukubonga uThixo uPhezukonke

1Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Kaloku yinto entle ukumemelela, sibonge uThixo wethu;

ewe, luyolo, kwaye kufanelekile ukumdumisa.

2*NguNdikhoyo umakhi weJerusalem,

umqokeleli weembacu zakwaSirayeli,

3umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,

ewe, umbophi wamanxeba abo.

4Ngumqingqi wenani leenkwenkwezi;

iyileyo naleyo kuzo uyibiza ngegama layo.

5Hay' ubukhulu bukaNdikhoyo, uyingangalala ngamandla!

Ubulumko bakhe abunamda.

6UNdikhoyo uyabaphakamisa abagqush' eluthulini;

ke bona abakhohlakeleyo ubakhahlela phantsi.

7Hlabelani nimombelele uNdikhoyo nibulela;

tsholozani niculele uThixo wethu ngezeengcingo –

8umtwabululi wamafu afihl' isibhakabhaka,

nguye owabela umhlaba imvula,

ulontshulis' ingca ezintabeni,

9umondli wezilwanyana ngokutya kwazo,

umfunzeli wamathol' ehlungulu azibikayo.

10Yena akakuhoye nganto ukukhalipha kwehashe,

engabukhathalele nobungwanyalala bezitho zendoda,

11koko yena uNdikhoyo uthanda abamhlonelayo,

abo bakholosa ngezibele zakhe ezingatshitshiyo.

12Duma ubonge uNdikhoyo, Jerusalem!

Mbonge uThixo wakho, Ziyon!

13Kaloku nguye owomeleza imivalo yamasango akho;

nguye othamsanqela abantu bakho.

14Nguye omisela inzolo phakathi kwemida yakho;

ikwanguye okwanelisa ngeyona-yona ngqolowa.

15Yena uthetha ngelizwi nje qha,

ngoko nangoko lityhutyhe ihlabathi.

16Ukhitikisa ikhephu, libe njengoboya;

unisa iqabaka, kube mhlophe okothuthu.

17Usarhaza umkhenkce, ngathi sisichotho;

ngubani onokumelana nengqele yakhe?

18Uthetha ngelizwi, zinyibilike ezo zinto;

athumele umoya, kubaleke amanzi.

19Ngumazisi wodaba lwakhe kuYakobi,

imithetho nezigqibo zakhe kuSirayeli.

20Kwezinye izizwe zange enjenjalo,

nemimiselo yakhe aziyazi.

Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 148

Indalo mayikhahlele kuThixo

1Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Bongan' *uNdikhoyo, nimdumise emazulwini;

mdumiseni kweliphezulu!

2Mbongeni, nonke nina zithunywa zakhe;

mdumiseni, nani mikhosi yakhe!

3Mbongeni, wena langa nawe nyanga;

mdumiseni, nonke zinkwenkwezi eziqaqambileyo!

4Mbongeni, nani mazulu asemajuku-jukwini;

ewe, makube njalo nakuni, manzi angaphaya kwesibhakabhaka!

5Ewe, mazilidumise igama likaNdikhoyo;

kaloku yena wathetha ngelizwi, zabakho ke zona.

6Wazimisela ukuze zihlale zihleli nanini-nanini;

ewe, wazimisela umda ongasoze washukunyiswa.

7Dumani kuNdikhoyo nalapha emhlabeni!

Nditsho kuni, bominenga, nani nonke, manzi anzongonzongo,

8wena mlilo, nawe sichotho, khephundini, nani mafu,

nawe saqhwithi sofezekisa ilizwi lakhe.

9Dumani, zintaba, nani zinduli,

mithi yeziqhamo, nani nonke misedare!

10Mbongeni, nina marhamncwa, nani nonke zinkomo,

nina zinto zirhubuluzayo, nani zintaka ziphaphayo!

11Khahlelani, zikumkani zehlabathi, nani nonke zizwe,

matshawe, nani nonke zinxiba-mxhaka zehlabathi!

12Dumisani xa ninonke, mlisela kwanani mthinjana;

yenzani njalo, maxhego kwanani bantwana!

13Ewe, mabalibonge igama likaNdikhoyo;

kaloku yena ngugama-khulu.

Ke bona ubungangamsha bakhe

bulivelele ihlabathi ndawonye namazulu.

14Ewe, abantu bakhe ubathe jize ngodumo nobungangamela,

ke yona imilowo yakhe ithwel' intshinga yendumiso –

nditsho amaSirayeli, isizwe esisenyongweni kuye.

Masitsho sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 149

Umhobe wokudumisa

1Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Memelelani niculele *uNdikhoyo ingoma entsha

abongwa ngayo ebandleni lakhe labanyanisekileyo!

2USirayeli makagcobe agcolode ngoMdali wakhe;

oonyana beZiyon mabachulumache ngoKumkani wabo.

3Mabadude bamdumise bememelela,

betsholoza bembonga ngegubu nekatala.

4Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;

abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!

5Imilowo yakhe mayitaka-take ngemincili;

mayimemelele ngemihlali naxa ilalayo;

6mayitsho ngentsholo idumisa uThixo,

amakrele abazwe macala esezandleni,

7ukuze iphakele iintlanga impindezelo,

ixhaphaze izizwe ngesohlwayo,

8ibasonge ibakhonkxe ookumkani ngamakhamandela,

zona izikhulu zabo izikhuleke ngemixokelelwana,

9khon' ukuze ifezekise isigwebo sikaThixo phezu kwabo.

Nântso ke intshinga yemilowo yakhe.

Masikhahlele sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 150

Bayethe, Mhlekazi!

1Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Khahlelani, nimbonge uThixo endlwini yakhe engcwele;

mdumiseni ngenxa yamandla akhe esibhakabhakeni.

2Mbongeni ngenxa yemisebenzi yobugorha bakhe,

nimdumise kuba yena usisihandiba sesikhulu!

3Yitshoni ngomtyangampo wexilongo nimdumise;

yombelani nimbonge ngomrhubhe nehapu!

4Dumisani nimbonge ngegubu nomdudo;

ngqungqani nimbonge ngezeengcingo nesigodlo!

5Tshilani nimbonge ngamacangci akhenkcezayo;

yitshoni ngentswahla nimdumise ngamacangci ahlokomayo!

6Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge *uNdikhoyo!

Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 141:1-150:6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-