Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 114

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 79

Isicelo sokuhlangulwa kwesizwe

Umhobe ka-Asafu.

1Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;

ziyixabhele indlu yakho engcwele,

iJerusalem itsho yalinxuwa.

2Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,

izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.

3Igazi lazo laphalala njengamanzi,

laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,

kungekho bani wokuzifihla.

4Sesiyintlekisa kubamelwane;

bayakrwecana bephoxisa ngathi.

5Koda kube nini, *Ndikhoyo?

Uya kusoloko ucaphukile?

Lohlala livutha ikhwele lakho?

6Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,

kwabo bangakukhathalelanga wena,

kwizikumkani ezingakunquliyo.

7Kuba bamqwengile uYakobi,

babhuqe bavuthulula konke.

8Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;

nceda velana nathi kuba siphelelwe.

9Khawuncede usisindise, Thixo wethu,

ngenxa yesidima segama lakho.

Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

10Ngani ukuba iintlanga zide zithi:

“Uphi lo Thixo wabo?”

Liphindezele igazi lezicaka zakho;

masikubone uzohlwaya iintlanga.

11Yive incwina yâbo bathinjiweyo;

ngaloo mandla akho basindise abo bagwetyelwe ukufa.

12Babuyisele kasixhenxe abamelwane

ngenxa yezenyeliso abakuthuka ngazo, Mhlekazi.

13Ke thina bantu baziigusha ozalusayo

siya kukubulela njalo-njalo;

ewe, soze sipheze ukukuncoma!

IINDUMISO 80

Ukuthandazela ukuvelelwa kwesizwe

Kumbhexeshi-kwayara; uculwa njengalowa uthi: “Iinyibiba ziyangqina.” Umhobe ka-Asafu.

1Khawubek' iindlebe, malusi kaSirayeli!

Wena makhokel' uJosefu njengomhlambi,

wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko,

2khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase;

ngaloo mandla akho yiza usisindise.

3Awu, Thixo, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

4*Ndikhoyo Thixo onamandla onke,

koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?

5Wena usondle ngeentsizi,

wasiseza iinyembezi.

6Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;

ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.

7Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

8Wena weza nomdiliya eJiputa,

wazigxotha iintlanga, watyala wona.

9Walima wawulungiselela umhlaba,

wamila waxanda emhlabeni wonke.

10Ithunzi lawo lafikelela ezintabeni,

lawagquma amasebe emisedare.

11Amasebe awo afikelela elwandle,

iingcambu zafikelela e-Efrati.

12Uludilizeleni ke uthango lwawo,

abadlulayo sebegqwathula iziqhamo nje?

13Ngoku sewunqunqudwa nayingulube;

iinyamakazi zizifikisela kuwo.

14Khawusivelele, Thixo onamandla onke;

khawuphos' amehlo uzibonele, uwuhlangule umdiliya.

15Nditsho isebe owalityalayo,

ewe, elo latyalwa zizandla zakho.

16Bawugecile baza bawutshisa;

batshabalalise ngomsindo wakho.

17Kodwa ke basindise abantu bakho abayinqobo,

abo uzomelezele bona.

18Thina ke soze sabuya mva;

sihlaziye saye sohlala sikudumisa.

19Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;

velana nathi usisindise!

IINDUMISO 81

Ingoma yetheko

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati.

1Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;

memelelani nidumise uThixo kaYakobi.

2Hlabelani nitsho ngohadi;

dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.

3Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,

nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.

4Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,

lisiko loThixo kaYakobi.

5Walenza langummiselo kwaSirayeli,

mhla wahlasela elamaJiputa.

Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:

6“Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,

zaxibilika iingobozi ezandleni.

7Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;

ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;

ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.

8“Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;

Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!

9Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;

ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.

10Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenu

owanikhuphayo kwelamaJiputa;

khamisani, mna ndiza kunifunza.

11“Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;

abafunanga nokuva oku ngam.

12Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,

ukuze benze ngokuthanda kwabo.

13Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;

akwaba ubungandithobela, Sirayeli.

14Bendingazigeqayo iintshaba zakho;

ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.

15Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,

isigwebo sabo sibe ngumlibe.

16Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,

ndinanelise ngobusi obupholileyo.”

IINDUMISO 82

UThixo ulawula konke

Umhobe oculwayo ka-Asafu.

1UThixo uchophele intlanganiso *yoothixo;

nguye olawulayo koothixo bonke;

2uthi: “Kunini nilawula ngegobe,

nibabonelela abakhohlakeleyo!

3Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,

nibonelele iintsizana namahlwempu.

4Khanikhulule abahlelelekileyo nama-athalala;

bahlanguleni abagonyamelwa zizikhohlakali.

5“Basemnyameni ombode-mbode;

bayafathula njengempumputhela,

nangona lona ihlabathi lizama-zama.

6Ndithi: Ewe kambe, ningoothixo;

nonke ningoonyana bakaPhezukonke.

7Kambe ke niya kufa njengamntu wonke,

nibhange njengamatshawe.”

8Awu, Thixo, khawulingenele ngomgwebo ihlabathi;

andithi kaloku zonke izizwe zisesandleni sakho!

IINDUMISO 83

Umthandazo wokuba amaSirayeli oyise

Umhobe oculwayo ka-Asafu.

1Awu, Thixo, ungathini ukuthi cwaka?

Ngani ukuba wonwabe, Thixo?

2Nâzo iintshaba zakho zikuvukela.

Nâbo abakuthiyileyo bephithizela.

3Ewe, babenzela amayelenqe abantu bakho;

badibene ngabo abo ubakhuselayo.

4Bathi: “Yizani sisibhangise esi sizwe,

uSirayeli angabi sakhunjulwa.”

5Kaloku bona bathetha nto-nye,

bevana ngawe ngegobe.

6Nditsho amaEdom namaIshmayeli,

amaMowabhi kunye namaHagare,

7amaGebhali, ama-Amoni, nama-Amaleki,

amaFilistiya nabemi baseTire.

8Angenelele nama-Asiriya,

bebonke bancedisana nenzala kaLothe.

9Khawubafumanise esamaMidiyan

ngomhla kaSisera noJabhin entlanjeni iKishon,

10abatshabalela e-Endore,

banyhashwa batsho bangumgquba.

11Iinjengele zabo zifanise no-Orebhe noZebhe;

amatshawe abo wanyhashe njengoZebha noZalmuna.

12Kaloku bona bafuna ukuwohlutha

umhlaba wabantu olibango likaThixo.

13Thixo wam, baphephethe njengothuli,

babe njengomququ ophetshethwa ngumoya.

14Mabatshayelwe okwehlathi lilenywa ngumlilo,

okweentaba zibhuqwa ngumlilo.

15Ewe, yiba sisitshu emva kwabo,

barhwaqelise ngesaqhwithi.

16Mabambatshe bade banyoshoze,

ukuze badane bakulangazelele, *Ndikhoyo.

17Baswantsulise, bahlale bengcungcutheka;

ewe, mabafele ehlazweni.

18Mabavume ukuba nguwe wedwa onguNdikhoyo,

uPhezukonke obhijel' ihlabathi jikelele.

IINDUMISO 84

Ukulangazelela indlu kaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora; uvunywa njengalowa wamaGati.

1Hay' ubuhle nokuthandeka komzi wakho,

*Ndikhoyo onamandla onke.

2Umphefumlo wam uzele lulangazelelo;

ewe, ulangazelela inkundla yakwakho, Ndikhoyo.

Ndiyamemelela ndicula ngochulumacho,

ndidumisa uThixo ophilayo.

3Namasomi azakhela iindlwana zawo khona;

kwaneenkonjane zifumana ikhaya khona.

Amathole azo ziwagcina *esibingelelweni sakho,

Ndikhoyo onamandla onke, wena kumkani noThixo wam.

4Hay' ithamsanqa lâbo bahlala endlwini yakho,

abasoloko bentyiloza bememelela bebonga wena.

5Hay' ithamsanqa labantu abaxhotyiswa nguwe,

abasoloko belangazelela ukuya eZiyon.

6Bathi xa bedlula kwelibharhileyo

kutsho kugqabhuke imithombo,

iimvula zokuqala zilitsho lithi thande ngamaqula.

7Baya besomelela ngokomelela,

bade bavele phambi koThixo eZiyon.

8Ndikhoyo, Thixo Somandla, wuve umthandazo wam;

ndiphulaphule, Thixo kaYakobi.

9Thixo, mbone ukumkani wethu;

mvelele umamkele umthanjiswa wakho.

10Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,

ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.

Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo

ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho.

11Kaloku uNdikhoyo uThixo ngumkhuseli nelanga lethu;

usithi jize ngendili nangobubele.

UNdikhoyo akazibandezi izinto ezintle

kwabo bamthobela ngokupheleleyo.

12Hay' ithamsanqa lomntu okholosa ngawe,

Ndikhoyo onamandla onke!

IINDUMISO 85

Ukuthandazela inkqubela yesizwe

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora.

1Ewe, *Ndikhoyo, ulazelelele eli lizwe;

uYakobi umthe jize ngendyebo nenkqubela.

2Ubaxolele abantu bakho ngobugwenxa babo;

ubuye wazilibala izono zabo.

3Ubuye wayibamba ingqumbo yakho;

uphinde wathomalala umsindo wakho.

4Yiba nebuyambo, Thixo, usisindise,

ungabi sakhathazeka sithi.

5Ngani ukuba ungabi saphela umsindo wakho?

Koda kube zizizukulwana ucaphukile na?

6Nceda ubuye usihlaziye,

abantu bakho bagcobe ngawe.

7Maziphuphumele kuthi izibele zothando lwakho;

awu, Ndikhoyo, sithi jize ngenkululeko yakho.

8Mandiweve amazwi kaNdikhoyo uThixo;

kaloku uzisa uxolo kubantu bakhe,

kwabo bayimilowo yakhe engajika-jikiyo.

9Ngenene usindiso lwakhe lukufuphi kwabo bamthobelayo;

nobungangamsha bakhe bohlala kweli lizwe.

10Kodibana uthando nokunyaniseka,

ubulungisa noxolo bulale ngengub' enye.

11Ukunyaniseka kuya kuntshula emhlabeni;

ubulungisa bona boqwalasela busesibhakabhakeni.

12Ewe, uNdikhoyo wosithi jize ngenkqubela,

lona ilizwe lethu libe yintombazana.

13Yena uya kukhokelwa bubulungisa;

ewe, buya kumgabulela izigcawu.

IINDUMISO 79:1-85:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-