Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 105

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 29

Ilizwi likaNdikhoyo linamandla

Umhobe kaDavide.

1Mbongen' *uNdikhoyo, nina bemi baphezulu;

mnikeni isihomo nesithozela namandla.

2Lenzelen' imbeko igama lakhe,

ninqule ningcangcazela phambi kwakhe.

3Sivakal' emanzini elwandl' isandi selizwi lakhe;

utsho kuzongome uThixo onesithozela.

Kaloku nguNdikhoyo ogragramis' iilwandle.

4Lindongondong' ilizwi lakhe,

ngugquma-barhwaqele ngenkqu.

5Liwis' imisedare ilizwi likaNdikhoyo;

ndixel' imisedare yaseLibhanon.

6Lidlobis' iLibhanon ixel' inkonyane;

litsho iSiriyon ixel' ithole lenyathi.

7Ndith' ilizwi likaNdikhoyo litshawuz' amadangatye;

8ndith' ilizwi likaNdikhoyo linyakamis' intlango,

ewe, nditsho intlango yaseKadeshe.

9Litsho kungcangcazele amanxala;

litsho kuvuthuluk' amahlathi.

Batsho bathi bonk' abasendlwini yakhe: “Huntshuu!”

10NguNdikhoyo olawula oozikhukula;

kaloku nguye ukumkani, koda kube nini-nini.

11Wanga angabaph' amandl' abantu bakhe;

wanga angabathamsanqela abaph' inzolo.

IINDUMISO 30

Umthandazo wokubulela

Umhobe kaDavide; iculo lokuvulwa kwendlu *kaNdikhoyo.

1Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,

akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.

2Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;

kuba wena undihlangule ekufeni.

3Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;

wandikhetha kwabo behlela emhadini.

4Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

nilibonge igama lakhe elingcwele.

5Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;

ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.

Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,

kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

6Xa izinto zazindilungele,

ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”

7Ewe, ndandithe zinzi njengentaba

ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

Suka wena wasithela;

ndaza mna ndakhathazeka.

8Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;

ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.

9Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?

Lunganako na ukukudumisa uthuli?

Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?

10Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;

Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.

11Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;

wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.

12Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;

ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!

IINDUMISO 31

Umthandazo wokuthembela ngoThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1*Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!

Wena lungisa, uzundihlangule!

2Ndibekele iindlebe, ukhawulez' undihlangule.

Yiba yinqaba endizimela kuyo,

nomkhuseli wam ondisindisayo.

3Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;

ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

4Ndikhulule kwisabatha ebendigcayiselwe ngaso,

kuba ungamandla am wena.

5Ndiwunikela ezandleni zakho umoya wam;

kaloku undihlangule wena, Ndikhoyo, Thixo othembekileyo.

6Ndibathiyile abo banqula izintw' ezingento;

mna ndikholosa ngawe, Ndikhoyo.

7Ndovuya, ndigcobe ngenxa yezibele zothando lwakho,

kuba uyibonile inkxwaleko yam,

wakugqala nokungcungcutheka kwam.

8Akundiyekelanga kwingcinezelo yeentshaba;

koko usuke wandinika inkululeko.

9Ndenzele inceba, Ndikhoyo, ndibandezelekile.

Atsho adumba kukulila amehlo am,

nam ndiphelile kukudinwa.

10Ziyandaluphaza iinkxwaleko zam,

nemihla yam iphelela ekungcungcuthekeni.

Ndiphelelwe ngamandla ngenxa yeentlupheko,

namathambo am selegugile.

11Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,

isigculelo kubamelwane bam.

Abandaziyo bayandoyika, bandibaleke,

xa badibana nam esitalatweni.

12Sele ndalityalwa mpela;

ndinjengomfi ongasakhunjulwayo;

sendalahlwa kwesinomhlwa.

13Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye;

kuthe saa luloyiko macal' onke,

lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.

14Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;

ewe, unguThixo wam wena.

15Imihla yam isesandleni sakho;

ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

16Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;

ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

17Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;

mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.

18Watsho athi cwaka amaxoki,

wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.

19Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;

zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

20Uyabakhusela ngobukho bakho kumayelenqe abantu,

ubagushe phantsi kwephiko lakho, bangagxijwa ziintshaba.

21Makabongwe uNdikhoyo,

kuba undenzele ububele obungummangaliso,

xa ndandixiniwe, ndihlaselwa.

22Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe,

kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.

23Mthandeni uNdikhoyo, nonke nina milowo yakwakhe,

kuba uyabalondoloza abathembekileyo,

abohlwaye abanekratshi.

24Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.

IINDUMISO 32

Ukuzohlwaya nokuxolelwa

Umbongo kaDavide.

1Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,

abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,

umnt' ongenayo konke inkohliso.

3Ndithi ndakungasivumi isono sam,

amandla atsho andiphelele,

ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,

ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,

ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:

“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”

wandixolela wena ityala lam.

6Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,

kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.

7Wena uyinqaba endizifihla kuyo;

uyandikhusela xa ndisebunzimeni.

Undirhangqe ngosindiso lwakho;

ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

8Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,

utsho uNdikhoyo,

ndikufundise, ndikujonge.

9Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,

izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.

10Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,

kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.

11Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;

nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!

IINDUMISO 33

Ingoma yokubonga

1Mdumiseni *uNdikhoyo, nina malungisa!

Ewe, afanele ukumdumisa uNdikhoyo amalungisa.

2Mbetheleni uhadi uNdikhoyo,

nimenzele ingoma ngeehapu ezingcingo zilishumi.

3Mombeleleni ingoma entsha uNdikhoyo;

mdlaleleni ngobuchule nimemelela.

4Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,

nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

5UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;

lizele ihlabathi zizibele zakhe.

6Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,

wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

7Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,

wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.

8Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,

bamhlonele bonke abemi balo.

9Wathetha kaloku, laza ladalwa;

wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.

10Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,

awaphanzise amacebo eentlanga.

11Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;

zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,

eso asinyule sangabantu bakhe.

13Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,

ababone bonke oonyana babantu.

14Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,

engqendeve kwibhotwe lakhe.

15Zidalwe nguye iintliziyo zabo;

uyazazi zonke izinto abazenzayo.

16Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;

asimandla agorha alisindisayo.

17Akuthenjelwa ngahashe edabini,

kungemandla alo amsindisayo umntu.

18UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo

nabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19aze abahlangule ekufeni,

abondle ngelixa lendlala.

20Thina sithembele kuNdikhoyo,

kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,

kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,

njengoko kaloku sithembele kuwe.

IINDUMISO 34

Umthandazo wokubulela izibele zikaNdikhoyo

Umhobe kaDavide xa wayezenza igeza phambi kuka-Abhimeleki owathi wamgxotha wemka.

1Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;

andisayi kuyeka ukumdumisa.

2Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,

batsho bavuye abo babandezelekileyo.

3Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;

masilidumise kunye igama lakhe.

4Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,

wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

5Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;

ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,

walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;

ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

9Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10Neengonyama ziyaswela zilambe,

kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;

ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,

lowo unga angafumana imihla emnandi,

13makazilumle ekuthetheni kakubi,

ayeke ukuthetha ubuxoki;

14makahlukane nobubi, enze okulungileyo;

makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,

uyayiva imithandazo yawo;

16kodwa ubafulathele abenzi bobubi,

abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,

awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,

ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,

kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20uwagcina onke amathambo alo,

kungaphuki nalinye kuwo.

21Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,

bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

22UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;

bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

IINDUMISO 29:1-34:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-