UZAKARIYA 3
Umbono wombingeleli omkhulu
1Ke kaloku wandibonisa umbingeleli omkhulu uYoshuwa emi phambi kwesithunywa *sikaNdikhoyo; yena uSathana emi ngasekunene kwakhe eza kummangalela. 2UNdikhoyo ke uthe kuSathana: “NdinguNdikhoyo nje ndiyakukhalimela, Sathana! Ewe, ndinguNdikhoyo onyule iJerusalem nje ndiyakukhalimela! Kaloku lo mfo ufana nesikhuni esixhwilwe emlilweni.”
3Ngoko ami phambi kwesithunywa uYoshuwa wayenxibe iimpahla ezingcolileyo. 4Isithunywa ke sathetha nâbo babemi phambi kwaso sathi: “Mkhululeni ezo mphala zingcolileyo.”
Sabhekisa kuYoshuwa ke sathi: “Uyabona ke, ndibususile ubugwenxa bakho; ndaye ke ndiza kukunxiba iimpahla zexabiso.”
5Mna ke ndathi: “Mabamthwalise entloko iqhiya ecocekileyo.” Baza ke bamthwalisa iqhiya ecocekileyo, baza bamnxibisa iimpahla, isithunywa sikaNdikhoyo sisemi njalo.
6Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi: 7“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.
8“ ‘Yoshuwa, mbingeleli omkhulu, phulaphula, beve nabo oogxa bakho abakungqongileyo; abo bangumqondiso wezinto ezizayo. Kaloku ndiya kuvelisa ihlumelo elisisicaka sam. 9Uyabona ke ndibeke ilitye phambi koYoshuwa, litye elo elinamehlo asixhenxe kulo. Kulo ke ndiya kukrola umbhalo, isono seli lizwe ndisisuse ngamini-nye,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ngaloo mini nonke ngabanye elowo uya kumema ummelwane wakhe, ahlale naye phantsi komdiliya noba ngumkhiwane.’ ”
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.