IINDUMISO 137
Isililo samaSirayeli ekuthinjweni
1Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.
2Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.
3Kaloku abo babesithimbile suka bathi:
“Khanisonwabise ngengoma;
khanihlabele enye kwezaseZiyon.”
4Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!
5Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.
6Malunamathele ezinkalakahleni ulwimi lwam, ukuba ndinokukulibala,
xa ndinokusuka ndingayibaluli iJerusalem njengeyona ntshinga yovuyo lwam.
7Awu, Ndikhoyo, yikhumbule into eyênziwa ngamaEdom, mhla yahlaselwa iJerusalem.
Kaloku agcoloda athi: “Yidilizeni niyisiphule neengcambu.”
8Athi ke wena, Bhabheli, sisulundini sentshabalalo!
Hayi inyhweba yalowo ukubuyekezayo ngazo zonke izinto osenze zona.
9Unoyolo ozithathayo iintsana zakho azintlekeze emaweni.
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.