Izafobe zikaSolomon
1Nazi izafobe zikaSolomon:
Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.
2Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.
3*UNdikhoyo soze abayeke abantu abalungileyo balambe,
kambe ke zona izikhohlakali uyazithintela ingafezeki iminqweno yazo.
4Umntu oqhokrwe izandla uba lihlwempu;
ke yena okhutheleyo uba sisityebi.
5Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;
kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.
6Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
7Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.
8Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.
9Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.
10Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,
kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.
11Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;
kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
12Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.
13Umntu oqondayo uthetha ubulumko,
kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.
14Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,
kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.
15Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;
ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.
16Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;
ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.
17Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.
18Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.
19Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.
20Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
21Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;
kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.
22Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi.
23Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;
phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.
24Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,
kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.
25Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;
kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.
26Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,
nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.
27Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;
kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.
28Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.
29Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.
30Ilungisa alisoze libhukuqwe;
ke yena okhohlakeleyo ngekhe eme elizweni.
31Umntu obhadlileyo uphuphuma ubulumko,
kambe ke yena umntu ogqwethayo uya kunqunyulwa ulwimi.
32Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.