Ukucela uncedo
1Kunyembelekile kuwe, mtshabalalisi;
wena ungatshatyalaliswanga!
Yeha ke, wena tshijolondini;
ke wena siqu awuqhathwa mntu!
Uya kuze upheze ukutshabalalisa,
ibe nguwe otshatyalaliswayo.
Boze bupheze ubuqhophololo bakho,
nawe ke ube lixhoba lokuqhathwa.
2*Ndikhoyo, khawube nenceba kuthi;
asisakulangazeleli ngako!
Ntsasa zonke yiba ngamandla ethu;
sihlangule sakungena enkathazweni.
3Lakuzongoma izwi lakho batsho basabe;
wakuphakama ziyasarhaka izizwe.
4Izizwe zojika zibe ngamaxhoba,
zixhatshazwe ngathi zingenelwe ziinkumbi.
5Mkhulu kambe uNdikhoyo,
yena umi kweliphezulu!
IJerusalem woyizalisa ngolungelelwano nobulungisa.
6Maxa onke uya kuba sisiseko esingahexiyo,
isisele sosindiso, ubulumko, nolwazi.
Umthombo wale ndyebo kukuhlonela uNdikhoyo.
7Nango amagorha abo ezibika;
oonozaku-zaku abaphath' uxolo nâbo besitsho ngesikrakra.
8Ngoku koohola sekuthe bhe;
abahambi abavakali ndawo konke.
Izivumelwano ziyakrotyozwa;
ke izixeko zideliwe,
akusekho mntu uhlonitshwayo.
9Umhlaba ulele, ngamafusi nje,
amahlathi aseLebhanon atshazile;
ngoku iSharon ifana nentili yasentlango,
imithi ibunile eBhashan naseKarmele.
Iintshaba zikaNdikhoyo ziyalumkiswa
10*UNdikhoyo uthi:
“Ngoku ke ndosuka ndiphakame;
niza kububona ubungangamsha bam;
ewe kaloku, ndiza kuzimaseka.
11Nikhawul' umququ, nizal' inkintshi-nkintshi;
kaloku nizitshabalalisa kwangokwenu.
12Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;
ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.
13Nina bantu bakude, phulaphulani;
ewe, yiveni into endiyenzileyo;
nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”
14Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu,
abangakhathalele Thixo bayangcangcazela.
“Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo?
Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”
15Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,
nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,
noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,
ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,
umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.
16Onjalo ke uza noloyiso;
ukhuseleke ngathi usemqolombeni
apho ukutya namanzi kuhlala kuhleli.
Ikamva eliqaqambileyo
17Ke amehlo enu oze ambone ukumkani
ethiwe jize ngesihomo nesithozela;
owakhe umhlaba uthe gabalala.
18Ngeenkumbulo nocamanga ngehambo-nzima yamandulo:
“Waya phi umphicothi-ncukacha;
ephi ke yena umvavanyi?
Kanti uphi yena umhloli weenqaba?”
19Ezo ntlanga zidelelayo zophel' emehlweni,
abantu abantetho ingacacanga,
abapitiliza ulwimi eningaluqondiyo.
20Khangelani iZiyon, isixeko samatheko amisiweyo;
zisuka nje nokhangwa yiJerusalem,
ikhaya lenzolo, umzi ongashukumiyo;
ezawo izikhonkwane soze zancothuka,
neentsontelo zawo soze ziqhawuke.
21Apho ke uNdikhoyo woba nguThixo wethu onamandla,
soba ngathi siphakathi kweentlambo nemilambo;
kodwa akukho sikhephe siya kuhamba khona,
kungekho nanqanawa ingangcambaza apho.
22Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa.
23Zona iintambo zenqanawa ziyeke-yeke;
azisenako ukuyibamba intsika yayo,
zingenako ukuyiqinisa neseyile.
Boxhaphaz' amaxhoba bazanelise;
kuya kuhlomla nesiqhwala esi sembala.
24EZiyon akusayi kubakho ugulayo;
zonke izono zabemi bayo ziya kuxolelwa.