Ukuwa kweBhabheli
1Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neBhabheli, intlango engasemlanjeni:
Njengesaqhwithi sivuthuza entlango
uya kwenjenjalo xa ezayo umhlaseli:
uya kuza ephuma ezweni eloyikekayo.
2Ndiwalamile umbono wezehlo zenkohlakalo:
ungcothoza nomxhaphazi bayazenzela.
Phakathi, maElam; hlaselani!
Nani, maMedi, zirhawuleni izixeko!
Ngoku uThixo uya kuphelisa ukungcungcutheka;
nditsho ingcinezelo eze neBhabheli.
3Ke ngoko nditsho ndahlasimla;
nditsho ndapena-pena ziintlungu,
ndangathi ngumfazi kunkqonkqoza inimba.
Izintw' endizivayo ziyandikhamnqisa;
Kambe ke endikuvileyo ndiyanazisa,
izintw' endizibonayo ziyandimangalisa.
4Ewe, ingqondo yam imile;
suke ndangenwa bubuphaku-phaku;
kukade ndilangazelela urhatya,
nalu ke lunditsho ndangcangcazela.
5Naso ke isidlo sesilungile;
kungokunje sebesophula.
Phantsi sebandlele iingubo;
ewe, kuyatyiwa kuyaselwa.
Hayi bo, phakamani, matshawe;
kubi, thambisan' amakhaka.
6INkosi indiyalele yenjenje:
“Hamba umisele intlola;
yona maze ikuthethe ekubonileyo.
7Yakubona iinqwelo zamahashe,
mhlawumbi abaqabele iidonki noba ziinkamela,
maze ibaqwalasele ngononophelo.”
8Ke idindala lidanduluke lathi:
“Imini nobusuku, mnumzana, ndimile,
ndithe bhuxe emboniselweni.
9Ngephanyazo nje gqi inqwelo itsalwa ngamahashe.
Umqhubi udanduluka esithi:
‘Hi-i-i! Yaw' iBhabheli!
Imifanekiso yezithixo zakhona nantso ibubusaza emhlabeni.’ ”
10Nina ke, maSirayeli, mawethu,
senifana nengqolowa exushwe ziinyawo esandeni.
Kambe ke endikuvileyo ndiyanazisa,
ndibhengeza endikuxelelwe *nguNdikhoyo uSomandla-onke,
nditsho uThixo kaSirayeli.
Mayela ne-Edom
11Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDuma:
Kukho obiza eSeyire:
“Khawutsho, mlindi, buntangani obu busuku?
Khawundixelele, kuxesha liphi ebusuku?”
12Umlindi uphendula athi:
“Sekumbovu kuse, kodwa ubusuku buyeza kwakhona.
Xa usenomkro ungabuza;
ewe, uze ubuye ubuze kwakhona.”
Mayela nelama-Arabhu
13Nalu udaba olundilisekileyo olumayela nelama-Arabhu:
Nina barhwebi baseDedan
abaxhwarhe kumahlathi elama-Arabhu,
14abo banxaniweyo baphen' amanzi;
nina bantundini baseTema,
ziphen' ukutya iimbacu.
15Kaloku zizisindisa kuloo mikhonto,
leyo seyirholwe yada yajoliswa,
ngokunjalo nezo ntolo zingxashiweyo,
ewe, zipheph' ifuthe lemfazwe.
16INkosi ke ithethe nam yenjenje: “Kwisithuba sonyaka ninyamezele ubukhulu nodumo lweentlanga zamaKedare luya kunqamka.
17“Kwezo ncushe zamaKedare adubula ngeentolo kuya kusala iingqandandana nje. Ewe, kuya kuba njalo, kuba nditshilo mna *Ndikhoyo Thixo wamaSirayeli.”