Imfazwe phakathi kweYerusalem neentlanga
1Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho. 2Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu angànqunyulwa wona kuwo umzi.
3Úya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso. 4Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi. 5Nòsabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
6Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi. 7Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; àyimini, àyibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
8Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo; esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
Uloyiso nolawulo olupheleleyo lukaYehova
9UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa. 10Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani. 11Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.
12Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi lwakhe emlonyeni wakhe. 13Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe. 14Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu. 15Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakumaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.
16Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba. 17Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, angànelwa mvula. 18Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba. 19Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
20Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, BUBUNGCWELE KUYEHOVA; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo. 21Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.