UZEKARIYA 10
UYehova uya kubabuyisela abantu bakhe abachithachithiweyo
1Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle. 2Ngokuba imilonde-khaya ithethé into ebubutshinga, nabavumisi baboné ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi. 3Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni. 4Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.
5Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe. 6Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingàbahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo; ndobaphendula. 7Wóba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.
8Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulúle ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako. 9Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye. 10Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo. 11UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke izizibà zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa. 12Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.