Uloyiso ezulwini nomsitho weMvana
1Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi:
Haleluya!
Usindiso, nozuko, nembeko, namandla
NgaweNkosi uThixo wethu!
2Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
3Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile,
Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo.
Bathi okwesibini:
Haleluya!
Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.
4Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamané, nezinto eziphilileyo zoné, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen! 5Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi:
Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe,
Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
6Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi:
Haleluya!
Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
7Masivuye sigcobe, siyizukise;
Ngokuba ufikile umsitho weMvana,
Umfazi wayo uzilungisile.
8Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.
9Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo. 10Ndawa ezinyaweni zaso, ukuba ndiqubude kuso. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto.
UKristu onguMoyisi
11Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa. 12Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingàziwa namnye ungenguye. 13Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo. 14Yaye imikhosi esemazulwini imlandela, ikumahashe amhlophe, bambethe ilinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe. 15Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla. 16Engutyeni yakhe nasethangéni lakhe wayenegama libhaliwe kwathiwa, UKUMKANI KAKUMKANI, UNKOSI KANKOSI.
Ukubulawa kweentshaba zikaKristu
17Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu; 18ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.
19Ndalibona irhamncwa, nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, nomkhosi wakhe. 20Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkeláyo uphawu lwerhamncwa, nabo báqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure. 21Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo luphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo.