1Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kuzo izithunywa zezulu zosixhenxe, Hambani, niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo emhlabeni.
2Semka ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudáyo kuwo umfanekiselo walo.
3Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle.
4Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi. 5Ndeva isithunywa samanzi, sisithi:
Ùnobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje;
6Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti;
Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.
7Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi:
Ewe, Nkosi, Thixo Somandla,
Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.
8Saza esesiné isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo. 9Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; àbaguquka bamzukise.
10Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu; 11bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: àbaguquka emisebenzini yabo.
12Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga.
13Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele. 14Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; àbaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
15Yabona, ndiza njengesela. Únoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi zé, balibone ihlazo lakhe.
16Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.
17Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile. 18Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni. 19Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe. 20Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba azafunyanwa. 21Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente• ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso.