Umgwebo olungileyo kaThixo
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma.
1Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela;
Lisondele igama lakho;
Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
2Ngokuba ùthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo,
Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.
3Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo;
Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)
4Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;
Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
5Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu,
Ningathethi ngokusa, nolùle intamo.
6Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga,
Nasentlango yeentaba.
7Hayi, nguThixo ogwebayo;
Úyamthoba lo, amphakamise lowa.
8Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova,
Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo.
Úthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo
Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.
9Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade,
Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
10Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa,
Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.