Amanqaku aliqela angobomi
1Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa.
Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,
2Kuba ndisisityhakala, andimntu;
Ingqondo yomntu ayikho kum.
3Andifundanga bulumko,
Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.
4Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla?
Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe?
Ngubani na obophe amanzi engutyeni?
Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?
Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi?
5Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.
Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
6Musa ukongeza emazwini akhe,
Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.
7Ndicelé kuwe izinto ezimbini;
Musa ukundivimba zona ndingekafi:
8Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga;
Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi;
Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;
9Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova?
Hleze ndihlwempuzeke, ndibe,
Ndilicukuceze igama likaThixo wam.
10Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso,
Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
11Kukho isizukulwana esitshabhisa uyise,
Singamsikeleli unina;
12Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amehlo,
Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;
13Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso,
Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!
14Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetshe
Zokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.
15Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe!
Zintathu izinto ezingenakuhlútha;
Ziné ezingàtshoyo ukuthi, Kwanele:
16Lelabafileyo; kukungazali;
Ngumhlaba ongàhluthiyo ngamanzi;
Ngumlilo ongàtshoyo ukuthi, Kwanele.
17Iliso eligculela uyise,
Lidele ukumlulamela unina,
Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni,
Alidle amathole exhalanga.
18Izinto zintathu ezibalulekileyo kum;
Hayi, ziné endingenakuzazi:
19Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni,
Yindlela yenyoka etyeni,
Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle,
Yindlela yomfo nentombi.
20Injalo indlela yomfazi okrexezayo:
Uyadla, asule umlomo,
Athi, Andenzanga bubi.
21Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima,
Ngaphantsi kweziné ukhohliwe kukuthwala:
22Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani;
Nesidenge, xa sithe sahlútha sisonka;
23Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda;
Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.
24Izinto ziné ezincinane emhlabeni,
Kanti zilumke kakhulu:
25Iimbovane ngabantu abangenamandla
Kanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;
26Iimbila ngabantu abangòmeleleyo,
Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;
27Iinkumbi azinakumkani,
Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;
28Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla,
Kanti lisemabhotweni ookumkani.
29Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa,
Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba:
30Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho ziné,
Elingabuyi umva phambi kweento zonke;
31Yinja elingesi; nokuba yinkunzi yebhokhwe;
Ngukumkani enomkhosi wakhe.
32Ukuba ùthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa,
Nokuba uthe wankqangiyela,
Beka isandla emlonyeni.
33Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi,
Ukucofa impumlo kuvelisa igazi,
Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.