1Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe;
Into yonke ezimasayo uyayivungamela.
2Isinyabi asikunanzile ukuqonda;
Ke sinanzé ukuzityhila kwentliziyo yaso.
3Ekuzeni kongendawo kuza ukudela,
Ukungcikiva, nokucukuceza.
4Ngamanzi anzulu amazwi omlomo wendoda,
Ngumlanjana obalekayo, lithende lobulumko.
5Ukukhetha ubuso bongendawo akulungile;
Nokugqwetha ilungisa ekuthetheni ityala.
6Imilebe yomlomo wesinyabi ingena ekubambaneni,
Nomlomo waso ubiza amanqindi.
7Umlomo wesinyabi uyasitshabalalisa,
Nemilebe yomlomo waso sisirhintyelo somphefumlo waso.
8Amazwi entlebi yimithamo emnandi;
Yona ihla iye ezingontsini zombilini.
9Nohilizayo eshishinini lakhe
Ngumninawa kaSokonakalisa.
10Yinqaba ende eliqele igama likaYehova;
Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.
11Ubuncwane besityebi sisixeko saso esiliqele;
Bunjengodonga oluphakamileyo emabhongweni aso.
12Phambi kwentshabalalo iyazidla intliziyo yendoda;
Phambi kozuko lululamo.
13Ophendula ilizwi engekeva,
Kukumatha oko kuye, nehlazo.
14Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo;
Ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?
15Intliziyo yonengqondo irhweba ukwazi;
Nendlebe yezilumko ifuna ukwazi.
16Isipho somntu siyamgabulela,
Simse phambi kwabakhulu.
17Únga úlilungisa oqalelayo etyaleni lakhe;
Uza ummelwane wakhe, amgocagoce.
18Liphelisa ingxabano iqashiso,
Libahlule abanamandla.
19Umzalwana ekukreqiweyo kuye ulukhuni ngaphezu kwesixeko esiliqele,
Neengxabano zinjengomvalo woxande olude.
20Ngesiqhamo somlomo wendoda uyahlútha umbilini wayo;
Iyahlútha ngongeniselo lomlomo wayo.
21Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi;
Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.
22Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo;
Uzuzé okulikholo kuYehova.
23Ihlwempu lithetha ngezibongozo;
Isityebi siphendula ngokulukhuni.
24Indoda enezihlobo iyachithwa;
Kukho sithandwa sinamathelayo kunomzalwana.