Imisondezo yeenkulu ekusungulweni kwesibingelelo
1Kwathi, mini uMoses wagqiba ukuwumisa umnquba, nokuwuthambisa nokuwungcwalisa wona, nempahla yawo yonke, nokusithambisa nokusingcwalisa isibingelelo neempahla zaso zonke, 2izikhulu zakwaSirayeli eziziintloko zeendlu zooyise, ezizizikhulu zezizwe ezibe zisongamela ababalwáyo, zasondeza iminikelo. 3Zawuzisa umnikelo wazo phambi koYehova, iinqelo ezinophahla zantandathu, neenkomo zalishumi elinambini: yayinqwelo kwizikhulu ezibini, yayinkomo kwisikhulu esinye; zazisondeza phambi komnquba. 4Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 5Zithabathe kuzo zibe zezokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, uzinike abaLevi, elowo ngokomsebenzi wakhe.
6Wazithabatha ke uMoses iinqwelo neenkomo, wazinika abaLevi. 7Ezimbini iinqwelo neenkomo eziné wazinika oonyana bakaGershon ngokomsebenzi wabo; 8eziné iinqwelo neenkomo ezisibhozo wazinika oonyana bakaMerari ngokomsebenzi wabo, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli. 9Ke oonyana bakaKehati akabanikanga nto, ngokuba umsebenzi wengcwele obuphezu kwabo bebewuthwala ngegxalaba bona.
10Zasondeza izikhulu iminikelo yokusungulwa kwesibingelelo mini sathanjiswa, zawusondeza izikhulu umnikelo wazo phambi kwesibingelelo. 11Wathi uYehova kuMoses, Soba sinye isikhulu ngemini, soba sinye isikhulu ngemini, ukusondeza umsondezo waso, ukusisungula isibingelelo.
12Owawusondezayo umsondezo wakhe ngemini yokuqala waba nguNashon unyana ka-Aminadabhi, wesizwe sakwaYuda. 13Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele• ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 14lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele• ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 15yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 16yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 17ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaNashon, unyana ka-Aminadabhi.
18Ngemini yesibini kwasondeza uNataniyeli unyana kaTsuhare, inkulu yakwaIsakare. 19Wasondeza umsondezo wakhe, waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwé ioli; 20lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 21yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo. 22Yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 23ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaNataniyeli, unyana kaTsuhare.
24Ngemini yesithathu kwasondeza inkulu yoonyana bakaZebhulon, uEliyabhi, unyana kaHelon. 25Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele, ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 26lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 27yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 28yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 29ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaEliyabhi, unyana kaHelon.
30Ngemini yesiné kwasondeza inkulu yoonyana bakaRubhen, uElitsure unyana kaShedeyure. 31Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 32lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 33yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 34yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 35ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaElitsure, unyana kaShedeyure.
36Ngemini yesihlanu kwasondeza inkulu yoonyana bakaSimon, uShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi. 37Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 38lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 39yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 40yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 41ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi.
42Ngemini yesithandathu kwasondeza inkulu yoonyana bakaGadi, uEliyasafu, unyana kaDehuweli. 43Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 44lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 45yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 46yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 47ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaEliyasafu, unyana kaDehuweli.
48Ngemini yesixhenxe kwasondeza inkulu yoonyana bakaEfrayim, uElishama unyana ka-Amihudi. 49Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 50lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 51yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye zizezedini elinyukayo ke ezo; 52yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 53ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaElishama, unyana ka-Amihudi.
54Ngemini yesibhozo kwasondeza inkulu yoonyana bakaManase, uGamaliyeli, unyana kaPedatsure. 55Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 56lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 57yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 58yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 59ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaGamaliyeli, unyana kaPedatsure.
60Ngemini yesithoba kwasondeza inkulu yoonyana bakaBhenjamin, uAbhidan unyana kaGidiyoni. 61Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 62lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 63yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 64yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 65ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Abhidan, unyana kaGidiyoni.
66Ngemini yeshumi kwasondeza inkulu yoonyana bakaDan, uAhiyezere, unyana ka-Amishadayi. 67Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 68lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 69yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 70yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 71ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Ahiyezere, unyana ka-Amishadayi.
72Ngemini yeshumi elinanye kwasondeza inkulu yoonyana baka-Ashere, uPagiyeli unyana kaOkran. 73Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 74lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; 75yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 76yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 77ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaPagiyeli, unyana kaOkran.
78Ngemini yeshumi elinambini kwasondeza inkulu yoonyana bakaNafetali, UAhira, unyana kaEnana. 79Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli; 80lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi luzele sisiqhumiso; 81yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo; 82yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono; 83ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Ahira, unyana kaEnan.
84Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, mini sathanjiswa zizikhulu zakwaSirayeli. Zaba lishumi elinazibini izitya zesilivere, zalishumi elinazibini izitya zokutshiza zesilivere, zalishumi elinambini iinkamba zegolide. 85Salikhulu elinamanci mathathu eeshekele isitya sesilivere sisinye, sangamashumi osixhenxe eeshekele isitya sokutshiza sisinye; iyonke isilivere yezo mpahla yaba ngamawaka amabini, anamakhulu mané, ngokweshekele yengcwele. 86Zaba lishumi elinambini iinkamba zegolide, zizele sisiqhumiso, zalishumi iishekele kukhamba lulunye ngokweshekele yengcwele; iyonke igolide yeenkamba yaba likhulu elinamanci mabini. 87Zizonke iinkomo zedini elinyukayo zaba ziinkunzi ezintsha ezilishumi elinambini, neenkunzi zezimvu zaba lishumi elinambini, neemvana ezimnyaka mnye zaba lishumi elinambini, neminikelo yazo yokudla; neenkunzi zeebhokhwe ezixhonti zedini lesono zaba lishumi elinambini. 88Zonke iinkomo zombingelelo woxolo zaye zingamashumi omabini anané, iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu zaba ngamashumi omathandathu, neebhokhwe zaba ngamashumi omathandathu, neemvana ezimnyaka mnye zaba ngamashumi omathandathu. Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, emveni kokuthanjiswa kwaso.
89Ke ekungeneni kukaMoses ententeni yokuhlangana, ukuba athethe naye, weva izwi lithetha kuye, livela esihlalweni sokucamagusha esiphezu kwetyeya yesingqino, phakathi kweekerubhi zombini; wathetha ke yena kuye.