Imithetho malunga nabazahlulileyo
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova, 3wózahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo; 4yonke imihla yokuzahlula kwakhe aze angadli nto yenziweyo ngomdiliya, ethabathela ezinkozweni ese exolweni. 5Yonke imihla yesibhambathiso sokuzahlula kwakhe, isitshetshe masingahambi entlokweni yakhe; ide izaliseke imihla azahlulele kuYehova, woba ngcwele, aziyeke iinwele zentloko yakhe, zihlume ziyakazele. 6Yonke imihla yokuzahlulela kwakhe kuYehova, aze angasondeli kofileyo; 7angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe.
8Yonke imihla yokuzahlula kwakhe úngcwele kuYehova. 9Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, wóyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe. 10Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana. 11Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo; ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla. 12Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingàbalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
13Nguwo lo umnyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana. 14Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo; 15nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswé ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo. 16Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo; 17inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo. 18Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo. 19Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe; 20azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angàyisela iwayini.
21Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.
Intsikelelo yababingeleli
22Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 23Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
24Makakusikelele uYehova, akugcine;
25Makabukhanyise uYehova ubuso bakhe kuwe, akubabale;
26Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.
27Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.