Ukubhujiswa kwamaMidiyan
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wòhlanganiselwa ebantwini bakowenu. 3Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan; 4iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nòwathuma aphume umkhosi.
5Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi. 6Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.
7Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda. 8Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele. 9Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga. 10Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke; 11bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo. 12Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.
13Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba. 14UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.
15Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana? 16Yabonani, ngawo la áthi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova. 17Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni; namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni. 18Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni. 19Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nòzihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo. 20Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nòzihlambulula.
21Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses. 22Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe, 23yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini. 24Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.
25Wathetha uYehova kuMoses, wathi, 26Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wena noElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla. 27Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke: 28urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphumé umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane. 29Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova. 30Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.
31Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 32Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane; 33ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo; 34ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile; 35neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka. 36Isiqingatha, isabelo sabaphuma umkhosi ngokwenani, saba yimpahla emfutshane engamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu; 37inani likaYehova empahleni emfutshane, ngamakhulu omathandathu, anamanci asixhenxe anantlanu. 38Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; kuzo, inani likaYehova ngamashumi osixhenxe anambini. 39Amaesile, ngamashumi omathandathu amawaka, anamakhulu omahlanu; kuwo, inani likaYehova ngamashumi omathandathu ananye. 40Iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka; kuzo, inani likaYehova, iziqu zabantu, ngamashumi omathathu anazibini. 41UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
42Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi, 43isiqingatha esisesebandla, empahleni emfutshane, saba ngamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu. 44Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; 45amaesile, ngamashumi omathathu amawaka, anamakhulu mahlanu; 46iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka.
47Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
48Basondela kuMoses abaveleli ababengabamawaka omkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, 49bathi kuMoses, Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda okulwa, abesezandleni zethu; akukho nanye indoda engekhoyo kuthi. 50Sisondezé umsondezo kaYehova, elowo ngokufumana kwakhe, impahla yegolide imixhaka, nezacholo, nemisesane yokutywina, namajikazi, nezidanga, ukuba siyicamagushele imiphefumlo yethu phambi koYehova. 51Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubo, yonke impahla esetyenziweyo. 52Yonke igolide yomrhumo ababeyirhumele uYehova yaba zishekele• ezilishumi elinesithandathu lamawaka, anamakhulu osixhenxe, anamanci mahlanu, evela kubathetheli-waka, evela kubathethelikhulu. 53Wona amadoda abephume umkhosi abezithimbele. 54Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubathetheli-waka nakubathethelikhulu, bayingenisa ententeni yokuhlangana. Yaba sisikhumbuzo soonyana bakaSirayeli phambi koYehova.