AbaLevi: Iimfanelo zabo namanani abo
1Yiyo le inzala ka-Aron noMoses, mini uYehova wathethayo noMoses entabeni yaseSinayi. 2Ngawo la amagama oonyana baka-Aron: owamazibulo nguNadabhi, noAbhihu, uElazare, noItamare. 3Ngawo lawo amagama oonyana baka-Aron, ababingeleli abathanjiswáyo, bamiselwa ukuba babe ngababingeleli.
4Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; àbaba nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.
5Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 6Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye. 7Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba; 8-10bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana, nesigxina soonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi womnquba. Wòmnika abaLevi uAron noonyana bakhe, abanikwe banikwa ngoonyana bakaSirayeli; ooAron noonyana bakhe ubenze bavelele babugcine ububingeleli babo. Owasemzini osondelayo makabulawe.
11Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 12Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi; 13kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.
14Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi, 15Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala. 16Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.
17Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari. 18Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi. 19Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli. 20Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.
21KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon. 22Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwáyo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu. 23Imizalwane yakwaGershon yomisa intente ngasemva komnquba ngasentshonalanga. 24Inkulu yendlu yooyise kwaGershon nguEliyasafu, unyana kaLayeli. 25Isigxina soonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana soba ngumnquba, nentente, nesigubungelo sayo, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana, 26namawundu entendelezo, nesisitheliso somnyango wentendelezo esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo emsebenzini wawo wonke.
27KwaKehati ngumzalwane wakwa-Amram, nomzalwane wakwaItsare, nomzalwane wakwaHebron, nomzalwane wakwa-Aziyeli; yiyo leyo imizalwane yakwaKehati. 28Ngénani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele. 29Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intentengecalalomnquba elingasezantsi. 30Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli. 31Isigxina sabo yityeya,• netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke. 32Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.
33KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari. 34Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini. 35Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla. 36Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke, 37neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo.
38Abomisa iintente phambi komnquba ngasempumalanga, phambi kwentente yokuhlangana, nguMoses, noAron, noonyana bakhe, abagcina isigxina sengcwele, ngokwesigxina soonyana bakaSirayeli. Owasemzini osondelayo makabulawe.
39Bonke ke ababalwáyo bakwaLevi, ababalwáyo nguMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngokwemizalwane yabo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamashumi amabini anamabini amawaka.
40Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, uthabathe inani lamagama awo. 41Wòndithabathela mna Yehova abaLevi, esikhundleni samazibulo onke aphakathi koonyana bakaSirayeli; neenkomo zabaLevi esikhundleni samazibulo onke ezinkomeni zoonyana bakaSirayeli. 42Wawabala ke uMoses onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho; 43onke amazibulo ento eyindoda ngenani lamagama, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, ngokubalwa kwawo, aba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini, anamanci asixhenxe anesithathu.
44Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 45Thabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli, neenkomo zabaLevi, esikhundleni seenkomo zabo, babe ngabam abaLevi, mna Yehova.
46Ke amakhulu amabini, anamanci asixhenxe anamathathu aza kukhululwa ngokumiselwa, kumazibulo oonyana bakaSirayeli, agqithiseleyo kubaLevi. 47Uze uthabathe iishekele• zibe ntlanu ngentloko yomntu, uthabathe ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera• ezimashumi mabini); 48umnike uAron noonyana bakhe loo mali yabakhululwe ngokumiselwa, abagqithiseleyo kubo.
49Wayithabatha ke uMoses loo mali yokukhululwa kwabo bagqithiseleyo kwabakhululwe ngabaLevi ngokumiselwa; 50wayithabatha kumazibulo oonyana bakaSirayeli imali, iliwaka elinamakhulu mathathu, anamanci amathandathu anesihlanu, ngokweshekele yengcwele. 51UMoses wayinika uAron noonyana bakhe imali leyo yenkululo, ngokomlomo kaYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.