Ukuprofeta kukaBhileham
1Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndákhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe. 2Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu. 3Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.
4UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungisé izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo. 5UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha. 6Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
7Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,•
Ezintabeni zasempumalanga, esithi,
Yiza undiqalekisele uYakobi;
Yiza ubhavumele uSirayeli.
8Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?
Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?
9Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;
Ndisezindulini, ndibonisela yena.
Yabona, ngabantu abahlala bodwa,
Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.
10Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi,
Nesahlulo sesiné sakwaSirayeli ngokwenani?
Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye,
Ukuphela kwam kube njengokwabo!
11Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenzé yona? Ndikuthabathéle ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela. 12Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe? 13Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekisêle ke bona apho.
14Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wákha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo. 15Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova. 16UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha. 17Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?
18Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Suka ume, Bhalaki uve;
Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
19UThixo akamntu ukuba athethe amanga,
Akanyana waluntu ukuba azohlwaye.
Etshilo nje yena, akayi kwenza na?
Ethethile nje, akayi kufeza na?
20Yabona, ndamkéle ukusikelela;
Úsikelele, ke andinakukubuyisa.
21Akaboni butshinga kuYakobi,
Akaboni bubi kuSirayeli.
UYehova uThixo wakhe unaye,
Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
22UThixo umkhupha eYiputa;
Amendu akhe anjengawenqu.
23Akukho zihlabo ngoYakobi,
Akukho kuvumisa ngoSirayeli.
Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeli
Into ayenzayo uThixo.
24Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi;
Baziphakamisa njengengonyam' induna.
Àbalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo,
Basele igazi labahlatyiweyo.
25Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela. 26Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona? 27Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona. 28UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala. 29Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndákhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe. 30Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.