Ulungelelwano lwezizwe eminqubeni naseluhambeni
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 2Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile• yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.
3Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi; 4umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi osixhenxe anesiné amawaka, anamakhulu mathandathu.
5Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare; 6umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anamané amawaka, anamakhulu mané. 7Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon; 8umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mané. 9Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mané, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.
10Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure; 11umkhosi wakhe, abo babalwáyo kuye, ngamashumi omané anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.
12Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi; 13umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu. 14Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli; 15umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
16Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mané, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.
17Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.
18Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude; 19umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.
20Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure; 21umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini. 22Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni; 23umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mané.
24Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.
25Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; 26umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
27Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran; 28umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu. 29Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan; 30umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mané.
31Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.
32Ngabo ke abo babalwáyo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu. 33Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
34Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise.