Imithetho eyahlukahlukeneyo
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika ezweni lokuhlala kwenu endininika lona, 3nenza ukudla kwasemlilweni kuYehova, idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, nokuba ngowamaxesha enu amisiweyo, nisenza ivumba elithozamisayo kuYehova, nithabatha kwiinkomo, nokuba nithabatha kwimpahla emfutshane: 4lowo uwusondezayo umsondezo wakhe kuYehova, wosondeza umnikelo wokudla osisahlulo seshumi se-efa• yomgubo ocoliweyo, ugalelwe isahlulo sesiné sehin• yeoli; 5nesahlulo sesiné sehin yewayini yomnikelo othululwayo, usenze ndawonye nedini elinyukayo; nokuba ngumbingelelo, ube ngowamvana-nye.
6Nokuba ngowenkunzi yegusha, wowenza umnikelo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisahlulo sesithathu sehin; 7newayini yomnikelo othululwayo, isahlulo sesithathu sehin, uyisondeze ibe livumba elithozamisayo kuYehova.
8Xa uthe wenza ithole lenkomo idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowoxolo kuYehova: 9wosondeza ndawonye nethole lenkomo umnikelo wokudla, ube zizahlulo ezithathu zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisiqinqatha sehin. 10Woyisondeza newayini ibe yeyomnikelo othululwayo, esisiqingatha sehin: ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova; 11kwenjiwe njalo kwinkomo enye, nokuba kukwinkunzi yemvu enye, nokuba kukwitakane legusha elinye, nelebhokhwe elinye. 12Ngangenani enithe nalenza, niya kwenjenjalo kuyo inye, kube ngangenani lazo.
13Bonke abo bazalelwe kuloo ndawo baya kwenjenjalo kwezo zinto ekusondezeni kwabo ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova. 14Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngako naye. 15Ngokubhekisele kuso isikhungu, wóba mnye ummiselo kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni, ummiselo ongunaphakade kwizizukulwana zenu. Njengoko ninjalo nina, woba njalo umphambukeli phambi koYehova. 16Umyalelo woba mnye, nesiko loba linye kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni.
17Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 18Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Ekufikeni kwenu ezweni elo ndinisa kulo, 19kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo. 20Nòrhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesandá, nowenjenjalo ukuwurhuma. 21Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.
22Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses, 23zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu; 24kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingàbonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; 25alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo. 26Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.
27Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wósondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono; 28umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Ákuwucamagushela, woxolelwa ke. 29Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka. 30Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo. 31Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.
32Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha. 33Abo bamfumanáyo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke; 34bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuyà kwenziwa kuye. 35Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba. 36Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
37Wathi uYehova kuMoses, 38Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi. 39Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona; 40ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu. 41NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.