Amalinga kaSanebhalati okuthintela ukwakha
1Kwathi, kwakuvakala kuSanebhalati, nakuTobhiya, nakuGeshem umArabhi, nakwezinye iintshaba zethu, ukuba ndilwakhile udonga, akwasala luthanda kulo (nakuba kwada kwalelo xesha ndingazimisanga iingcango emasangweni), 2bathumela kum uSanebhalati noGeshem, besithi, Yiza, sihlangane komnye wemizana esesihlanjeni seOno. 3Babecinga ukundenza into embi. Ndathumela abathunywa kubo, ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla; yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni? 4Bathumela kum ngokunjalo izihlandlo zaziné, ndabaphendula kwangelo lizwi.
5USanebhalati wathumela ngokunjalo kum indodana yakwakhe, isihlandlo sesihlanu, inencwadi evulekileyo esandleni sayo; 6kubhalwe kuyo kwathiwa, Kuvakele ezintlangeni, utsho noGashemu ukuthi, Wena namaYuda nicinga ukugwilika; ùlwakha ngenxa yoko udonga olo; ùnqwenele ukuba ngukumkani wawo, ngokwaloo mazwi. 7Kananjalo ùmise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.
8Ndathumela kuye, ndathi, Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho. 9Ngokuba bonke bephela bebesoyikisa, besithi, Izandla zawo ziya kuwuyeka lo msebenzi, ungènziwa. Ngoko, Thixo, zomeleze izandla zam.
10Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala. 11Ndathi, Kubáleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.
12Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethé ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya. 13Ubeqeshelwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.
14Bakhúmbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezo zenzo zabo, kwanoNowadiya umprofetikazi, nabanye abaprofeti ababendoyikisa.
15Lwagqitywa udonga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kaEluli, ngemihla emashumi mahlanu anamibini. 16Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.
17Kananjalo ngaloo mihla, abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo. 18Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya unyana ka-Ara; noYohanan unyana wakhe ubezeke intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya. 19Kananjalo ukulunga kwakhe babekuthetha phambi kwam, namazwi am bewasa kuye. UTobhiya wathumela iincwadi zokundoyikisa.