Amalinga kaNehemiya okunceda amahlwempu
1Ke kaloku kwabakho ukukhala okukhulu kwabantu nabafazi babo ngabazalwana babo amaYuda. 2Bekukho ababesithi, Sibaninzi thina, oonyana bethu, neentombi zethu; masamkele ingqolowa, ukuze sidle, siphile. 3Bekukho nababesithi, Amasimi ethu, nezidiliya zethu, nezindlu zethu, sibambisile ngazo; masamkele ingqolowa ngenxa yendlala. 4Bekukho nababesithi, Siboleké imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu. 5Kaloku inyama yethu ikwanjengenyama yabazalwana bethu, noonyana bethu bakwanjengoonyana babo; ukanti siyabanyanzela oonyana bethu neentombi zethu, ukuba babe ngamakhoboka; ezintombini zethu kukho nesezinyanzelwe; akukho mandla esandleni sethu, amasimi ethu nezidiliya zethu zizezabanye nje.
6Wavutha ke kakhulu umsindo wam, ndakukuva ukukhala kwabo, naloo mazwi. 7Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu, ndathi kubo, 8Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi?
Bathi cwaka, àbafumana lizwi lakuphendula.
9Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu? 10Kananjalo mna, abazalwana bam, namadodana akwam, sibaboleké imali nengqolowa; makhe sikuyeke oku kuboleka ngokubambisa. 11Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi abo, nezidiliya zabo, nezinquma zabo, nezindlu zabo; nesekhulu isahlulo semali, nesengqolowa, nesewayini entsha, neseoli, eniyibize kubo iyinzuzo.
12Bathi, Siya kusibuyisa, singabizi nto kubo; siya kwenza njengoko utshoyo. Ndabiza ababingeleli, ndabafungisa ukuba benze ngokwelo lizwi. 13Kananjalo ndavuthulula isondo lengubo yam, ndathi, UThixo makenjenje ukubavuthulula ezindlwini zabo, nasekuxelengeni kwabo, bonke abantu abangayi kulimisa elo lizwi; mabenjiwe nje ukuvuthululwa, balambathe. Lathi lonke ibandla, Amen; bamdumisa uYehova. Benza ke abantu ngokwelo lizwi.
14Kananjalo kususela kumhla endamiselwa ukuba ndibe libamba labo ezweni lakwaYuda, ndithabathela kumnyaka wamashumi amabini, ndezisa kumnyaka wamashumi amathathu anamibini ka-Artashashta ukumkani, iyiminyaka elishumi elinamibini, mna nabazalwana bam asidlanga kudla kwabamba. 15Ke amabamba okuqala abephambi kwam enza kwaba nzima ebantwini, athabatha kubo isonka newayini; emveni koko athabatha amashumi amané eeshekele• zesilivere; kananjalo amadodana akwawo enza ngegunya ebantwini. Ke mna andenjanga njalo, ngokoyika uThixo. 16Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini. 17Ke amaYuda, abaphathi, amadoda alikhulu elinamanci mahlanu, kwanawezáyo kuthi, evela ezintlangeni ezisijikelezileyo, abe esetafileni yam. 18Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna; neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.
19Ndíkhumbulele okulungileyo, Thixo wam, ngako konke endikwenzele aba bantu.