UYesu phambi koPilato
()
1Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.
2UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho. 3Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu. 4Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe. 5Noko ke uYesu akabanga saphendula nto yena, ngokokude amangaliswe uPilato.
6Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela. 7Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulaláyo nokubulala esaqungeni apho. 8Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.
9Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na? 10Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona. 11Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.
12Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda? 13Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! 14Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! 15Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
16Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizèle ndawonye ibutho lawo liphela; 17amambathise ngebomvu; alùke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aqale ukumbulisa, athi, 18Aa! Kumkani wamaYuda! 19Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.
Ukubethelelwa emnqamlezweni
()
20Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni. 21Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
22Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi. 23Ayemnika iwayini enemore,• ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga. 24Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile. 25Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni. 26Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA.
27Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe. 28Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.
29Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, 30zisindise, uhle emnqamlezweni. 31Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. 32UKristu,• uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.
33Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.
34Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! 35Thixo wam! undishiyeleni na? Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya. 36Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na. 37Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo. 38Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
39Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.
40Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome; 41ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.
Umngcwabo kaYesu
()
42Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha, 43kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu. 44Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile. 45Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.
46Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba. 47Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.