Umzekeliso wesidiliya
()
1Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. 2Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. 3Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. 4Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile. 5Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. 6Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. 7Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu. 8Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
9Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. 10Anisilesanga na esi sibhalo sithi,
Ilitye abalicekisáyo abakhi,
Lelona laba yintloko yembombo;
11Kwavela eNkosini oku,
Kungummangaliso emehlweni ethu?
(INdum. 118:22)
12Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
Umbuzo malunga nerhafu
()
13Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha. 14Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na?
15Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo,• ndiyibone. 16Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? 17Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye.
AbaSadusi novuko
()
18Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi, 19Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. 20Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu. 21Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu. 22Bamzeka ke bosixhenxe; àbashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. 23Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.
24Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? 25Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, àbazeki, àbendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini. 26Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? 27AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
Umthetho omkhulu
()
28Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?
29UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye; 30uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho. 31Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunalé.
32Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe; 33nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.
34UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.
UKristu unyana kaDavide
()
35Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu• ungunyana kaDavide? 36Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele,
Yathi iNkosi eNkosini yam,
Hlala ngasekunene kwam,
Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
(INdum. 110:1)
37UDavide ngoko ngokwakhe uthi, ÚyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe?
Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.
Isilumkiso ngababhali
38Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, 39nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni; 40abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.
Imalana yomhlolokazi
()
41Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. 42Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.•
43Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; 44kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.