Ukuphiliswa konedumbe
(; )
1Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kufika emzini wakowabo.
2Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho. 3Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa. 4UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu? 5Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? 6Kodwa ukuze nazi ukuba únalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. 7Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe. 8Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka.
Ukubizwa kukaMateyu
(; )
9Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela.
10Kwathi, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. 11Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? 12Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. 13Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni ukuba baguquke.
Ukuzila ukudla
(; )
14Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili? 15Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila. 16Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba. 17Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwénjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
Intokazi eyayinethombo legazi. Intombi kaYayiro
(; )
18Akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhé ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila. 19Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe. 20Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe; 21kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa. 22Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.
23Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela; athi kubo, 24Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. 25Basuka bamwa ngentsini. Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo. 26Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.
Ukuphiliswa kweemfama ezimbini nesidenge
27Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide. 28Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi. 29Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni. 30Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingàziwa mntu le nto. 31Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.
32Ke kaloku zakubon' ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon. 33Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli. 34Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
Isivuno nabasebenzi baso
35Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. 36Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi. 37Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa. 38Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.