Ubunqambi bethombo
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 2Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi kubo, Indoda ngendoda, xa ithe yanobhobhozo oluphuma enyameni yayo, iyinqambi ngobhobhozo lwayo olo. 3Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.
4Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi. 5Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise. 6Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo obhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise. 7Lowo uwuchukumisayo umzimba wobhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise. 8Xa athe obhobhozayo wamtshicela ohlambulukileyo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise. 9Zonke iinqwelo asukuba ekhwela kuzo obhobhozayo zoba ziinqambi. 10Bonke abo bachukumisa nantoni ibiphantsi kwakhe, boba ziinqambi, bahlwise; lowo uyithwalayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise. 11Bonke abasukuba bemchukumisa obhobhozayo, bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise. 12Impahla yomdongwe abeyichukumisile obhobhozayo yoqhekezwa; yonke impahla yomthi yoxukuxwa ngamanzi.
13Xa athe wahlambuluka obhobhozayo ekubhobhozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe yokuhlanjululwa kwakhe, azihlambe iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini aphilileyo; wohlambuluka ke. 14Ngomhla wesibhozo wozithabathela amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, eze phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana, awanike umbingeleli; 15awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo; umbingeleli amcamagushele phambi koYehova ngenxa yokubhobhoza kwakhe.
16Indoda xa ithe yancola, yowuhlamba wonke umzimba wayo emanzini, ibe yinqambi, ihlwise. 17Neengubo zonke, nezikhumba zonke ezinoncolo, zohlanjwa ngamanzi, zibe ziinqambi, zihlwise.
18Ke umfazi ethe indoda yamlala, bohlamba ngamanzi, babe ziinqambi bahlwise bobabini.
19Umfazi xa athe wampompoza, kwaba ligazi ukumpompoza kwakhe enyameni yakhe, woba sekungcoleni kwakhe imihla esixhenxe; bonke abo bamchukumisayo boba ziinqambi, bahlwise. 20Yonke into asukuba elala phezu kwayo ekungcoleni kwakhe, yoba yinqambi; nento yonke asukuba ehlala phezu kwayo, yoba yinqambi. 21Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise. 22Bonke abo bachukumisa nantoni yempahla ahlala phezu kwayo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise. 23Nokuba lisesililini, nokuba lisempahleni ahlala kuyo, ekulichukumiseni kwabo boba ziinqambi, bahlwise. 24Ukuba indoda ithe yalala naye, kwafikelela kuyo ukungcola kwakhe, yoba yinqambi imihla esixhenxe, nesilili sonke elele kuso soba yinqambi.
25Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena. 26Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe. 27Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
28Ukuba uthe wahlambuluka ekumpompozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe emveni koko, ahlambuluke ke; 29ngomhla wesibhozo azithabathele amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, awazise kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana, 30awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo. Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova ngenxa yokumpompoza kobunqambi bakhe.
31Nize nibakhwelelise ke oonyana bakaSirayeli ebunqambini babo; bangafeli ebunqambini babo, ngokuwenza inqambi umnquba wam ophakathi kwabo.
32Nguwo lowo umyalelo walowo ubhobhozayo, nowoncolayo waba yinqambi ngaloo nto; 33nowalowo unomzi wokungcola kwakhe, nowalowo umpompoza ukumpompoza kwakhe, nokuba yindoda, nokuba ngumfazi, nokuba yindoda elele nomfazi oyinqambi.