Intetho yesibini kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo;
Ke angáthini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
3Ukuba úthe yena wafuna ukubambana naye,
Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
4Úlumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:
Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
5Uloshenxisa iintaba zingazi,
Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
6Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo,
Zididizele iintsika zalo;
7Ulothetha elangeni lingaphumi,
Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
8Ulotwabulula ixulu eyedwa,
Anyathele emimangweni yolwandle;
9Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere,• namaKroza, nesiLimela,
Neengontsi zasezantsi.
10Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,
Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
11Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni;
Uthi phe, ndingamqondi,
12Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo?
Ngubani na ongáthi kuye, Wènza ntoni na?
13UThixo akawunqandi umsindo wakhe;
Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
14Ndingáthini na ke mna ukumphendula,
Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
15Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli;
Ndingátarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
16Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula,
Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
17Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela,
Awandise amanxeba am ngelizé,
18Angàndiphi nokuba ndiphefumle;
Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
19Ukuba yinto yamandla ekhalipha, úthi, Ndim okhoyo!
Ukuba yinto yomgwebo, úthi, Ngubani na oya kundimema?
20Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba;
Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
21Ndigqibelele; àndiwukhathalele umphefumlo wam;
Ndiyabucekisa ubomi bam.
22Kúnye oko; ngenxa yoko ndithi,
Ogqibeleleyo nongendawo úyabatshabalalisa.
23Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe,
Úya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
24Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo;
Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo.
Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
25Imihla yam ikhawulezé ngaphezu kwesigidimi;
Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
26Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo,
Njengokhozi luxwila ixhoba.
27Ndákuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam,
Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
28Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke,
Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
29Kuthiwa ndingongendawo mna;
Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
30Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu,
Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
31Úbuya kundithi gxwa emhadini,
Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
32Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule,
Siyé ndawonye ematyaleni.
33Akukho mahluli phakathi kwethu,
Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
34Makayisuse intonga yakhe kum,
Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
35Ndothetha ke ndingamoyiki;
Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.