1Khawubize kambe, ukuba úkho na owokuphendula.
Ùya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
2Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane,
Nekhwele liyambulala osisiyatha.
3Ndimbonile mna osisimathane emila;
Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
4Bakude nosindiso abantwana bakhe,
Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
5Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe,
Balurhole naseluthangweni lwesiphingo;
Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
6Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini,
Nobuni abuntshuli emhlabeni;
7Hayi, umntu uzalelwa ububi,
Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
8Ke mna bendiya kusingisa kuThixo,
Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
9Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,
Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
10Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba,
Ase amanzi phezu kwamaphandle,
11Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo,
Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
12Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo,
Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
13Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo,
Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
14Emini baqubisana nobumnyama,
Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
15Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo,
Nasesandleni sowomeleleyo.
16Kubekho ke ithemba kosweleyo,
Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
17Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!
Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
18Kuba wénza buhlungu, abophe;
Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
19Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,
Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
20Endlaleni úkukhulula ekufeni
Emfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
21Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,
Ungoyiki imbuqo, yakufika.
22Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,
Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
23Kuba ùnqophisene namatye asendle,
Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
24Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho,
Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
25Uyàzi ukuba ininzi imbewu yakho,
Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
26Ùya kungena engcwabeni womeléle,
Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
27Bôna, oku sìkugocágocile, kunjalo;
Kúve, ukwazi wena ngokwakho.