Intetho yesixhenxe kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani,
Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
3Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona,
Ndize esihlalweni sakhe!
4Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam,
Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
5Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako,
Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
6Wóbambana nam ngamandla amakhulu na?
Hayi! Kodwa ke wóndigqala.
7Oko othe tye ubeya kubonisana naye,
Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
8Yabona, ndisinga phambili, angabikho;
Nangasemva, ndingàmnakani;
9Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingàmalami;
Xa atyekela ngasekunene, ndingàmboni.
10Kuba úyayazi indlela enam;
Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
11Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe,
Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
12Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga;
Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
13Ke yena umi ndaweninye, ngubani na ongambuyisayo?
Umphefumlo wakhe ukhanukile, úya kwenza oko.
14Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo;
Zininzi ke izinto ezinje kuye.
15Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe.
Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
16UThixo uyiqobisile intliziyo yam.
USomandla undikhwankqisile.
17Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama,
Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.