Intetho yesithathu kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Kambe, níni abantu;
Buya kufa nani ubulumko.
3Nam ke ndinentliziyo njengani;
Andiwi nganeno kwenu.
Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
4Ndiyintlekisa kummelwane mna,
Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule;
Úyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.
5Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo;
Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.
6Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi;
Bakholosile abamqumbisayo uThixo,
Abafumbatha uThixo esandleni sabo.
7Kodwa khawubuze ezinkomeni, zókuyala;
Nasezintakeni zezulu, zókuxelela;
8Thetha nomhlaba, wókuyala;
Zókubalisela neentlanzi zolwandle.
9Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke,
Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?
10Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo,
Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.
11Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha,
Nekhuhlangubo likuve ukudla?
12Emaxhegweni kusebulumkweni,
Ebudeni bemihla kusengqondweni.
13Bukuye ubulumko nobugorha,
Lelakhe icebo nengqondo.
14Yabona, úgungxula, kungàkhiwa.
Uyamvalela umntu, kungàvulwa,
15Yabona, úyawavala amanzi, atshe;
Uyawavulela, aliphethule ilizwe.
16Anaye amandla nozimaso;
Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.
17Umkisa amaphakathi ebhunyulwe,
Abagezise nabagwebi.
18Ukhulula imbophelelo yookumkani,
Abophe umbhinqo emanqeni abo.
19Umkisa ababingeleli bebhunyulwe,
Abazizimakade abaphenule.
20Ususa intetho kwabanyanisekileyo,
Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.
21Uphalazela amanene ngendelo,
Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.
22Utyhila iinzulu zasebumnyameni,
Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa.
23Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise;
Uziphangalalisa iintlanga azifuduse.
24Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe,
Azibhadulise enyanyeni engenandlela.
25Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya,
Azibhadulise njengamanxila.