Okwahlela ukumkani uZedekiya
1Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubon' ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi, 2Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo. 3Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, ùya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uye nawe eBhabheli.
4Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda; utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele, Ùya kufa unoxolo; 5ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi! Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.
6Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, 7eYerusalem, yakubon' ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.
Impatheko yamakhoboka amaHebhere
8Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko: 9owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulúle, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.
10Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenáyo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulúle, angabi sabakhonzisa; baphulaphula ke, babandulula. 11Emveni koko bajika, bawabuyisa amakhoboka namakhobokazana ababewandulule bewakhulule, bawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana.
12Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi, 13Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka; ndathi, 14Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe; wókukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo àbandiphulaphulanga, àbandithobelanga ndlebe. 15Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam; 16nasuka najika, nalihlambela igama lam, nabuyisa elowo ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, enaniwandulule, niwakhulule ngokuthanda kwawo; nawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana kuni.
17Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininìkele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa. 18Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo. 19Abathetheli bakwaYuda, nabathetheli baseYerusalem, namagosa, nababingeleli, nabantu bonke belizwe abacandayo phakathi kwezahlulo zethole, 20ndiya kubanikela ezandleni zeentshaba zabo, nasezandleni zabafuna umphefumlo wabo, zidliwe izidumbu zabo ziintaka zezulu nangamarhamncwa omhlaba. 21UZedekiya ke ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakhe, ndiya kubanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, nasesandleni sempi yokumkani waseBhabheli, yona leyo yemkayo kuni. 22Yabona, ndiwisa umthetho, utsho uYehova, wokuba ndibabuyisele kulo mzi, balwe nawo, bawuthimbe, bawutshise ngomlilo, ndiyenze amanxuwa imizi yakwaYuda, ingemiwa.