Ukuprofeta usizi okusingiselwa kokumkani bakwaYuda
1Utsho uYehova ukuthi, Yihla uye endlwini yokumkani wakwaYuda, uthethe khona eli lizwi, 2uthi, Live ilizwi likaYehova, kumkani wakwaYuda, uhleliyo etroneni kaDavide, wena, nabakhonzi bakho, nabantu bakho abangénayo ngala masango. 3Utsho uYehova ukuthi, Yenzani okusesikweni nobulungisa, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, ningamxinzeleli phantsi; ningamgonyameli owasemzini nomhlolokazi nenkedama; ningaphalazi gazi limsulwa kule ndawo. 4Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe. 5Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa.
6Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, ÙlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo. 7Ndiya kukungcwalisela abonákalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare• yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni. 8Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu? 9Bathi ke, Kungenxa yokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wabo, baqubuda thixweni bambi, babakhonza.
10Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe. 11Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayi kubuya abuyele apha; 12ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.
13Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelizé, angamniki umvuzo wakhe; 14othí, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola! 15Ùnobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye? 16Ubeligweba ityala losizana nolihlwempu; kwaza kwalunga. Asikuko na oko ukundazi? utsho uYehova. 17Ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe; asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko. 18Ngako oko utsho uYehova ngoYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Àbayi kummbambazelela, besithi, Yoo, mnakwethu! yoo, dade wethu! Àbayi kummbambazelela, besithi, Yoo, nkosi! Yoo, ndili yakhe! 19Úya kungcwatywa ngokungcwatywa kwe-esile, akrwiqilizwe, alahlwe kude namasango aseYerusalem.
20Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho. 21Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam. 22Umoya uya kubadla bonke abalusi bakho, zithinjwe izithandane zakho; wandule ukudana, inene, uve ihlazo, ngenxa yezinto zakho ezimbi zonke. 23Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo.
24Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona; 25ndikunikéle esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo ùboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi. 26Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona. 27Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyèle kulo, abasayi kubuyela kulo. 28Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo? 29Lizwe, lizwe, lizwe, líve ilizwi likaYehova! 30Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo; ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.