Injongo kaThixo ekuzisindiseni ezinye iintlanga
1Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan; 2ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zangaphambili zazingazazi: 3izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati. 4Abo ke babengabokulinga amaSirayeli, ukuze kwazeke ukuba oyiphulaphula na imithetho kaYehova, awayiwisela ooyise ngesandla sikaMoses.
5Bahlala ke oonyana bakaSirayeli phakathi kwamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi. 6Bazizeka iintombi zawo zaba ngabafazi babo, bendisa iintombi zabo koonyana bawo, bakhonza oothixo bawo.
UOteniyeli
7Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali• nooAshera.• 8Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushanrishatayim, ukumkani wakwa-Aram• phakathi kweMilambo;• bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.
9Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi. 10Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushanrishatayim. 11Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
UEhude
12Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enzé ububi emehlweni kaYehova. 13Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu. 14Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.
15Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi. 16UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite• ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangéni lakhe lokunene. 17Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba. 18Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.
19Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye. 20Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni. 21UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangéni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe. 22Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.
23Waphuma uEhude waya evarandeni,• wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa. 24Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel' ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho. 25Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.
26UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira. 27Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, éphambi kwabo yena. 28Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, àbavuma ukuba kuwele mntu. 29Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angáthi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda. 30Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.
UShamgare
31Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.