USamson ubulala amaFilisti
1Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene. 2Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
3Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo. 4Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo. 5Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.
6Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenzé oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo. 7Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza. 8Wawaxabela kakhulu ihleza nethangá; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.
9Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, ákha uluhlu eLehi. 10Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi. 11Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenzé yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenzé ngako nam kuwo. 12Athi kuye, Sihlé, sizé kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu. 13Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esandleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni.
14Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi• etshe ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe. 15Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda. 16Wathi uSamson,
Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba;
Ngomhlathi we-esile ndisiké iwaka lamadoda.
Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe, 17wathi loo ndawo yiRamati-lehi.•
18Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena uniké ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga. 19Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.
20Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.