Umqondiso ngoMaxhoba-ayakhawulezaiinto-eziphangiweyo-zingxamile
1Wathi uYehova kum, Thabatha icwecwe elikhulu, ubhale kulo ngenkxola yabantu, uthi, NgoMaxhoba-ayakhawuleza-iinto-eziphangiweyo-zingxamile, 2Ndathabathela amangqina anyanisileyo, ooUriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya. 3Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba-ayakhawuleza-iinto-eziphangiweyo-zingxamile. 4Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.
INkosi neentshaba zikaYuda
5Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi, 6Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya: 7ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo,• lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wónyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke, 8utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.
9Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe. 10Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi. 11Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi, 12Ize ningàthi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo. 13UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo. 14Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem. 15Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.
16Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam. 17Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye. 18Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon.
19Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? 20Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe àbathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo. 21Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu; 22babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni.