UISAYA 64
1Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho, 2njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho. 3Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho!
4Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye. 5Ùmkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke? 6Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzí yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya. 7Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
8Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sìsisenzo sesandla sakho, sonke siphela. 9Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela. 10Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa. 11Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele. 12Ùya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.