UISAYA 53
1Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileké kubani na? 2Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele. 3Údeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke àsambeka.
4Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye. 5Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswé ngemivumbo yakhe. 6Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.
7Wakhandaniswa, wazithoba, engàwuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, àkawuvula umlomo wakhe. 8Uthatyathwé ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu? 9Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe — ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe.
10UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa ùthe umphefumlo wakhe wàwenza idini letyala, wóyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe. 11Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wóbona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa. 12Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon' ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.