Umzekeliso wesidiliya esiphuthileyo
1Intánda yam makhe ndiyivumele ingoma yentánda yam, ngesidiliya sayo.
Intánda yam ibé inesidiliya endulini echumayo; 2yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yákha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.
3Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam. 4Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo? 5Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele. 6Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso.
7Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.
Ukukhalinyelwa kweendidi zaboni
8Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe! 9Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlàli. 10Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate• ibe nye, nehomere• yembewu yenze iefa• yodwa.
11Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini! 12Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni. 13Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano. 14Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhamé ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo. 15Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo; 16ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa. 17Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi.
18Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo; 19ábathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!
20Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!
21Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!
22Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; ábagwebela abangendawo, besekeleze isicengo; 23ubulungisa bamalungisa babùsuse kuwo! 24Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
Isohlwayo esivela eNkosini
25Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; úsolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, àwubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sísolukile. 26Úzinyusela ibhanile• iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu. 27Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki. 28Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi; 29zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo. 30Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo.