UHagayi ukhuthaza abantu ukuba bayakhe itempile
1Ngomnyaka wesibini kaDariyo ukumkani, ngenyanga yesithandathu, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, lisithi, 2Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Aba bantu báthi, Asikabi lixesha lokuba kuziwe, asikabi lixesha lokuba yakhiwe indlu kaYehova.
3Kwafika ke ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi, 4Lixesha na kuni nina, lokuba nihlale ezindlwini zenu zalekiwe, ibe le ndlu yam yona ilinxuwa? 5Kaloku ke, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu. 6Nahlwayela kakhulu, ningenisé kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela; nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba.
7Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindlela zenu zigqaleni. 8Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova.
9Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane; nithe nakùza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe. 10Ngenxa yoko, ngenxa yenu, izulu liyala nombethe, nomhlaba wala neendyebo zawo. 11Ndabiza ukoma phezu kwelizwe, naphezu kweentaba, naphezu kwengqolowa, naphezu kwewayini entsha, naphezu kweoli, naphezu kwezinto zonke eziphuma emhlabeni, naphezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kokuxelenga konke kwezandla.
UZerubhabheli noYoshuwa baqala ukwakha
12Baliphulaphula ke ooZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, noYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, namasalela onke abantu, ilizwi likaYehova uThixo wabo, ngokwamazwi kaHagayi umprofeti, njengoko wayemthumile uYehova uThixo wabo; boyika abantu ebusweni bukaYehova. 13Wakuthetha uHagayi umthunywa kaYehova ukuthunywa kwakhe nguYehova ebantwini, wathi, Ndináni, utsho uYehova. 14UYehova wawuvuselela umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wamasalela onke abantu. Beza ke, bawenza umsebenzi endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo, 15ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithandathu, ngomnyaka wesibini kakumkani uDariyo.