UYosefu wazisa abantu bakowabo kuFaro
1UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen. 2Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro. 3Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu. 4Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho. 5Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe. 6Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba ùyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.
7UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro. 8UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho? 9Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni. 10UYakobi wamsikelela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.
11UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro. 12UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.
UYosefu wongamela iYiputa
13Bekungekho kudla kulo lonke ilizwe; kuba ibinzima kunene indlala; ilizwe laseYiputa nelizwe lakwaKanan laphelelwa ngamandla ngenxa yendlala. 14Wayihlanganisa uYosefu yonke imali eyafunyanwayo ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan, yengqolowa ababeyithenga; wayingenisa uYosefu imali endlwini kaFaro. 15Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile. 16Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile. 17Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.
18Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nemihlaba yethu yodwa kuphela. 19Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Síthenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sínike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.
20UYosefu wawuthengela uFaro wonke umhlaba waseYiputa; kuba amaYiputa athengisa elowo ngentsimi yakhe, kuba indlala yabe inzima phezu kwawo; umhlaba ke waba ngokaFaro. 21Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye. 22Ngumhlaba wababingeleli wodwa angawuthenganga; kuba ababingeleli babenesabelo abasimiselweyo esivela kuFaro, besidla isabelo eso simiselweyo, babesinikwe nguFaro; ngenxa yoko bona abathengisanga ngomhlaba wabo.
23Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba. 24Nòthi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, eziné izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu. 25Bathi, Ùsisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro. 26UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.
27Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene. 28UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amané, aneminyaka esixhenxe.
29Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethangá lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa. 30Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho. 31Wathi, Funga; wafunga ke. Waqubuda uSirayeli phezu kwentloko yesingqengqelo.