UYakobi kwaLabhan; ukwendela koLeya noRakeli kuye
1Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.
2Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla. 3Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo. 4UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran. 5Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi. 6Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane. 7Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa. 8Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.
9Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa. 10Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume. 11UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo. 12UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. 13Wagidima yena waxelela uyise. Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke. 14Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.
15Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza ngelizé? Ndixelele umvuzo wakho. 16Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli. 17Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo. 18UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, intombi yakho enci. 19Wathi uLabhan, Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.
20UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe. 21Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene. 22Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho. 23Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena. 24Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
25Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonzé ngenxa kaRakeli na? Yini na ukuba undikhohlise? 26Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo. 27Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe; sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.
28Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe. 29Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo. 30Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.
31UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali. 32Wamitha ke uLeya, wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen,• ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam. 33Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika naló; wamthiya igama elinguSimon.• 34Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.• 35Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yoko wamthiya igama elinguYuda.• Wanqamka ukuzala.