UAbraham wamkela izithunywa ezithathu
1UYehova wabonakala kuye eMiokini• kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini. 2Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwakhawulela, esuka emnyango wentente. 3Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho. 4Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo; 5ndíthabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako. 6Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha• ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka. 7Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa. 8Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
9Athi kuye, Úphi na uSara umkakho? 10Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo. 11Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi. 12USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje? 13Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna? 14Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana. 15Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, ùhlekile.
UAbraham uthandazela iSodom
16Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela. 17Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza? 18Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi. 19Kuba ndazé yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye. 20Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje, 21ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
22Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova. 23Wasondela uAbraham, wathi, Ungáde ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na? 24Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungáde uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo? 25Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na? 26Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.
27Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu. 28Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omané anesihlanu. 29Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omané? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omané. 30Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu. 31Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini. 32Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.
33Wemka uYehova, akugqiba ukuthetha kuAbraham; uAbraham wabuyela endaweni yakhe.