Uluhlu lwabasemfudusweni ababuyayo bephantsi koZerubhabheli
1Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo; 2abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRehum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli: 3oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini. 4Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, 5anamanci asixhenxe anababini. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu. 6Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini. 7Oonyana bakaElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané. 8Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asithoba, anamanci mané anabahlanu. 9Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamancimathandathu. 10Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anababini. 11Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu. 12Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini. 13Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu. 14Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu. 15Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amané, anamanci mahlanu anabané. 16Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo. 17Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabathathu. 18Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini. 19Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu. 20Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu. 21Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu. 22Amadoda aseNetofa ibingamashumi amahlanu anamathandathu. 23Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo. 24Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amané anababini. 25Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti, ibingamakhulu asixhenxe, anamanci amané anabathathu. 26Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye. 27Amadoda aseMikimase ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini. 28Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu. 29Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini. 30Oonyana bakaMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu. 31Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabané. 32Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini. 33Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu. 34Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu. 35Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.
36Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu. 37Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini. 38Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe. 39Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.
40AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabané.
41Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
42Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.
43Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti, 44oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon, 45oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi, 46oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan, 47oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya, 48oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam, 49oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi, 50oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim, 51oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure, 52oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, 53oonyana bakaHarsha, oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama, 54oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
55Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda, 56oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele, 57oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
58Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
59Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na: 60oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
61Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo), 62abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini. 63Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.•
64Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu; 65ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
66Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu; 67iinkamela zabo ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
68Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo. 69Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike,• nesilivere yangamawaka amahlanu eemina,• nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.
70Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabantu inxenye, neemvumi, nabamasango, nabakonzi betempile, emizini yakowabo; amaSirayeli onke emizini yawo.