Ukulinganiswa kwetempile nenkcazo yayo
1Wandísa etempileni, walinganisa iintsika; zaba ziikubhite ezintandathu ububanzi ngapha, zaba ziikubhite ezintandathu ububanzi nangapha; bububanzi ke bentente. 2Ububanzi bomnyango bebuziikubhite ezilishumi; amacala omnyango aba ziikubhite ezintlanu ngapha, iikubhite ezintlanu nangapha. Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mané, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini. 3Wangena ke ngaphakathi, walinganisa intsika yomnyango; yaziikubhite ezimbini, nomnyango wazikubhite ezintandathu ukuphakama, ububanzi bomnyango baziikubhite ezisixhenxe. 4Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini, wabhekisa etempileni; wathi kum, Yingcwele kangcwele le.
5Walulinganisa udonga lwendlu, lwaziikubhite ezintandathu, ububanzi bendawo yokwayama bazikubhite eziné; yajikeleza ngeenxa zonke endlwini leyo. 6Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu; aya kufika eludongeni ebeyinalo indlu le, ngasemagumbini endawo yokwayama, eyajikeleza ngeenxa zonke, ukuze abe nokubambeka khona; kodwa angabambeki eludongeni lwayo indlu. 7Kwaya kúba banzi ukujikeleza, okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi endawo yokwayama; ngokuba oko kwayijikeleza indlu le, kwaya kusanda okukhona inyukayo, kuyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko indlu le yaya iba banzi okunyuka inyukayo; lwaba kwanjalo olungaphantsi udidi, ukunyuka ukuya kolungaphezulu ngokolo lungaphakathi.
8Ndabona kwasendlwini le indawo ephakamileyo, ejikelezileyo ngeenxa zonke; iziseko zamagumbi endawo yokwayama zaziyingcongolo• epheleyo, ziikubhite ezintandathu, ukuya entlanganweni. 9Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu. 10Phakathi kwamagumbi ibe ibububanzi beekubhite ezimashumi mabini obujikelezileyo, bayijikeleza indlu ngeenxa zonke. 11Iminyango yendawo yokwayama yayikhangele endaweni eshiyekileyo; omnye umnyango ukhangele ngentla, omnye umnyango ukhangele ngezantsi; ububanzi bendawo eshiyekileyo bebuziikubhite ezintlanu, bajikeleza ngeenxa zonke.
12Isakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, sasiziikubhite ezimashumi asixhenxe ububanzi baso ngecala elisingise entshonalanga; udonga lwesakhiwo eso lwaluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; lwajikeleza ngeenxa zonke, nobude baso baba ziikubhite ezimashumi asithoba. 13Wayilinganisa ke indlu leyo, yaba ziikubhite ezilikhulu ubude; indawo eqhiwukileyo, nesakhiwo sayo, neendonga zaso, zaba ziikubhite ezilikhulu ubude. 14Ububanzi bobuso bayo indlu, nobendawo eqhiwukileyo ekhangele empumalanga baba ziikubhite ezilikhulu.
15Wabulinganisa ke ubude besakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, ebe singasemva kwayo, neegalari• zaso ngapha nangapha, iikubhite zaba likhulu; nendawo engcwele yangaphakathi, neevaranda• zentendelezo. 16Imibundu leyo yeminyango, neefestile ezo zivaliweyo, neegalari ezo zijikelezileyo ezindidini zazo zontathu (malunga nemibundu yeminyango kukho amaceba emithi, ejikelezíle ngeenxa zonke; nomhlaba ude wema ngeefestile, iifestile ke zigutyungelwe), 17naphezu kweminyango, kwada kwasendlwini ngaphakathi nangaphandle, naseludongeni lonke, kwajikeleza ngeenxa zonke, ngaphakathi nangaphandle, kwaba yimilinganiso.
18Kwaye kwenziwe iikerubhi• namasundu; yalisundu phakathi kwekerubhi nekerubhi; ikerubhi yanobuso obubini; 19yabubuso bomntu obubheké esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheké esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke. 20Zenziwa zathabathela emhlabeni zesa phezu kweminyango, iikerubhi namasundu, eludongeni ke lwetempile. 21Itempile, imigubasi yayo ibe imbombo-né; nobuso bengcwele, imbonakalo yabo yabonakala ikwanjalo.
22Isibingelelo sasingumthi, ukubhitentathu ukuphakama, buziikubhite-mbini ubude baso; besineembombo zaso nommiso waso, namacala aso engumthi. Wathi kum, Le yitafile ephambi koYehova. 23Bezimbini iingcango zetempile nezengcwele. 24Bezingambini iingcango kwiminyango leyo, ziziingcango ezijingayo zombini, zimbini komnye umnyango, zimbini iingcango nakomnye. 25Kwaye kwenziwe kuzo, kwiingcango ezo zetempile, iikerubhi namasundu, kunjengoko bekwenziwe ngako ezindongeni. Kwaye kukho isinyuko somthi phambi kwevaranda ngaphandle. 26Iifestile ezivaliweyo namasundu zazingapha nangapha, emacaleni evaranda, nasemagumbini endawo yokwayama kuyo indlu, nezinyuko.