Imiqondiso eyalatha ungqingo nothimbo lweYerusalem
1Wena ke, nyana womntu, thabatha isitena, usibeke phambi kwakho, ukrole umzi kuso, iYerusalem; 2uwungqinge, uwakhele iinqaba zokubonisela, uwufumbele udonga lokungqinga; uwenzele iminquba, umisele izinto zokutyhomfa iindonga ngeenxa zonke. 3Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.
4Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, ùya kubuthwala ubugwenxa babo. 5Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ùya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli. 6Ùya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mané; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka. 7Ùze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho íhlutyiwe, uprofetele kayo. 8Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.
9Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete,• uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba. 10Ukudla kwakho oya kukudla koba ngokomlinganiselo, iishekele• ezimashumi mabini ngosuku; uya kusidla amaxesha ngamaxesha. 11Namanzi wòwasela ngomlinganiselo, isahlulo sesithandathu sehin;• uya kusisela amaxesha ngamaxesha. 12Uya kusidla ngokwesonka esiliqebengwana serhasi, usoje emehlweni abo ngeengqatha eziphuma emntwini. 13Wathi uYehova, Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenjalo ukusidla siyinqambi ezintlangeni, endiya kubagxothela kuzo.
14Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.
15Wathi kum, Uyabona, ndikunika amalongo enkomo esikhundleni seengqatha zomntu; sóje kuwo isonka sakho. 16Wathi kum, Nyana womntu, yabona, ndiya kuwaphula umsimelelo osisonka eYerusalem, basidle isonka ngomlinganiselo, benesithukuthezi; bawasele amanzi ngomlinganiselo, bemangalisiwe; 17ukuze baswele isonka namanzi, bamangalisane, bangcungcutheke ebugwenxeni babo.