Ukuwa kokumkani waseTire nokulilelwa kwakhe
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, Yithi kwingànga yeTire, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba intliziyo yakho iphakamile, usithi, NdinguThixo, ndihleli esihlalweni soThixo embilinini yeelwandle; phofu ùngumntu, ungeThixo, nakuba uyenzé intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo: 3yabona, ùlumke kambe nangaphezu koDaniyeli; zonke izinto ezisitheleyo azisithelisiwe kuwe. 4Ngobulumko bakho nangengqondo yakho ùzenzele ubuhandiba, wangenisa igolide nesilivere ebuncwaneni bakho. 5Ngobuninzi bobulumko bakho ubandisile ubuhandiba bakho, ngorhwebo lwakho, yaphakama intliziyo yakho ngobuhandiba bakho.
6Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo, 7ngako oko, uyabona, ndiya kukuzisela abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni; baburholele ubuhle bobulumko bakho amakrele abo, bakuhlambele ukubengezela kwakho. 8Baya kukuhlisela emhadini, ufe ngokufa kwababuleweyo, embilinini yeelwandle.
9Wòtsho ubuye utsho na ukuthi, NdinguThixo, phambi kombulali wakho? ungumntu nje, ungeThixo, esandleni sokuhlabayo. 10Ùya kufa ukufa kwabangalukileyo ngesandla sabasemzini, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
11Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 12Nyana womntu, mphakamisele isimbonono ukumkani waseTire, uthi kuye, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wena lutywino lwesakhiwo esilinganiselweyo kakuhle, uzeleyo bubulumko, umhle kwaphela. 13Ubuse-Eden emyezweni kaThixo; onke amatye anqabileyo abe esisigubungelo sakho: isardiyo,• netopazi,• nedayimani,• nekrizolite,• nebherilo,• neyaspisi,• nesafire,• nekarbhunkolo,• nesmarado,• negolide; umsebenzi weengqondi zakho nowamankazana akho waye ukuwe; ngemini yokudalwa kwakho ezo zinto zalungiswa. 14Waye uyikerubhi• ethanjisiweyo, egqubuthelayo; ndakwenza ke, waba sentabeni engcwele kaThixo, wahambahamba phakathi kwamatye anomlilo.
15Wagqibelela ngeendlela zakho, kususela kwimini yokudalwa kwakho, kwada kwafumaneka ubugqwetha kuwe. 16Ngobuninzi borhwebo lwakho umbilini wakho wazala kukugonyamela, wóna ke. Ndiya kulahla wena, ngokwento engcolileyo, umke entabeni kaThixo; ndikutshabalàlise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo. 17Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, ubonákalisile ubulumko bakho kunye nokubengezela kwakho. Ndikukhahlela emhlabeni ndikwènze ube ngumbonelo phambi kokumkani. 18Ngobuninzi bobugwenxa bakho, ebugqwetheni borhwebo lwakho, uzihlámbele iingcwele zakho; ndivelisa ke umlilo kwaphakathi kwakho; úya kukutshisa wona, ndikwènze ube luthuthu emhlabeni, emehlweni abo bonke abakubonayo. 19Bonke abakwaziyo ezizweni baya kumangaliswa nguwe, usuke ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.
Isiprofeto sokuchasa iTsidon
20Kwafika ilizwi likaThixo kum, lisithi, 21Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho eTsidon, uprofete ngayo. 22Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Tsidon; ndiya kuzizukisa phakathi kwakho; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam izigwebo kuyo, ndizingcwàlisele kuyo. 23Ndiya kuthumela kuyo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zayo; bawe abangxwelerhiweyo phakathi kwayo likrele, eliyifikelayo ngeenxa zonke; bazi ukuba ndinguYehova.
Ukubuyiswa kukaSirayeli
24Akuyi kuba sabakho meva anobuhlungu, naluviko lwenza buhlungu, kwindlu kaSirayeli, luphuma kubo bonke abangeenxa zonke kuyo, abayicukuleyo; bazi ke ukuba ndinguYehova. 25Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekuyibutheni kwam indlu kaSirayeli, ezizweni abaphangalaliswe kuzo, ndiya kuzingcwalisela kubo emehlweni eentlanga, bahlale emhlabeni wabo, endawunika umkhonzi wam uYakobi. 26Baya kuhlala kuwo bekholosile, bakhe izindlu, batyale izidiliya, bahlale bekholosile ekwenzeni kwam izigwebo kubo bonke ababacukulayo, abangeenxa zonke kubo; bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo.