Imiqondiso yokuthinjwa neyokubhaca neyendlala
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, ùhleli phakathi kwendlu eneenkani; banamehlo okubona, àbaboni; baneendlebe zokuva, abeva; ngokuba bayindlu eneenkani. 3Wena ke, nyana womntu, zilungiselele iimpahla zemfuduka, ufuduke emini emehlweni abo, ufuduke endaweni yakho, uye ndaweni yimbi emehlweni abo, mhlawumbi bobona; ngokuba bayindlu eneenkani. 4Uze uyikhuphe impahla yakho ngokwempahla yemfuduka emini, emehlweni abo; ke wena uphume ngokuhlwa emehlweni abo, njengokuphuma kwabathinjwa. 5Gqobhoza eludongeni emehlweni abo, uyikhuphe ngakhona. 6Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama; búgqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenzé isimanga kwindlu kaSirayeli.
7Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako; ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa emehlweni abo.
8Kwafika ilizwi likaYehova kum kusasa, lisithi, 9Nyana womntu, indlu kaSirayeli, indlu eneenkani, ayitshongo na kuwe ukuthi, Wènza ntoni na? 10Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Esi sihlabo sisingisele kwisikhulu esiseYerusalem, nakwindlu yonke kaSirayeli, abaphakathi kwayo abathinjiweyo. 11Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenzé ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe. 12Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; síya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo. 13Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisìse eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona. 14Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo; 15bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni. 16Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asìnde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bázi ukuba ndinguYehova.
17Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 18Nyana womntu, wòsidla isonka sakho ungcangcazela, uwasèle amanzi akho ugungqa, unesithukuthezi. 19Wòthi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo. 20Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni; názi ukuba ndinguYehova.
Ukungqinelwa kwesiprofeto senyaniso
21Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 22Nyana womntu, úyintoni na lo mzekeliso ninawo emhlabeni wakwaSirayeli, wokuthi, Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke? 23Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwenza uphele lo mzekeliso, bangabi sazekelisa ngawo kwaSirayeli; ke, yithi kubo, Isondele imihla, nesiphelo semibono yonke. 24Ngokuba akuyi kuba sabakho namnye umbono okhohlakeleyo, nokuvumisa okucengacengayo, phakathi kwendlu kaSirayeli. 25Ngokuba ndinguYehova, ndiya kuthetha; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka, lingayi kulibala; ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.
26Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 27Nyana womntu, yabona, indlu kaSirayeli ithi, Umbono awubonayo yena lo, ngowemihla emininzi; úprofetele amaxesha akude. 28Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akayi kuba salityaziswa onke amazwi am; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka; itsho iNkosi uYehova.